IMITHETHO NEMIMISELO YOKHUSELEKO YOKUSEBENZA KWEENQANAWA ZOKULOBA
IKHUTSHWE
UHLAZIYO 2003
Imithetho nemimiselo yokhuseleko yokusebenza kwenqanawa zokuloba
INTSHAYELELO
Ukuloba kumanzi aseMzantsi Afrika kuziIndidi ezahlukeneyo ukusuka kweyona ndlela yakhe yalula yokuloba ukuya kweyona ndlela enobunkunqela.
Kuwo wonke amacala okusebenza ukuloba ngowona msebenzi onobungozi. Asibo bume bemeko yokusebenza kwabalobi enobutshaba, umsebenzi lo wodwa uzele zingozi ezinokuthi zinqandwe ngokuthi kwaziswe indlela zokusebenza ezikhuselekileyo.
Iinjongo zalo mmiselo wokhuseleko wokusebenza kukuzisa ingqwalasela yabalobi kunye nabo bantu abasebenzisa ukuloba njenge- ndlela yokuphila, imigaqo kunye nezithethe ekumelwe ukuba zisetyenziswe ukwenza imeko yokusebenza ibe yekhuselekileyo.
Lo mmiselo awubhalwanga ukwenzela ukuba usetyenziswa ngabalobi bodwa koko wenzelwe ukuba usetyenziswe nguwo wonke ubani onento yokwenza ekhwele inqanawa yokuloba. Kumelwe ukuba iziswe kwingqwalasela yabo bonke abo babandakanyekayo kumsebenzi wemihla ngemihla enqanaweni lonto iquka kunye nabasebenzi basenqanaweni. Kumelwe ukuba ifundwe ngokuhlangeneyo Nommiselo Wokhuseleko loMsebenzi Wezelwandle ka-1994
Okokugqibela, lommiselo kumelwe ukuba usetyenziswe njengesixhobo sokufundisa. Iqubisana kunye neziseko zokukhuseleko lwabalobi kwaye inika nemithetho-sisekelo ekumelwe ukuba ibe lulwazi oluqhelekileyo kwaye nolusetyenziswayo kurhwebo ngokuloba.
IZIQULATHO
IMITHETHO NEMIMISELO YOKHUSELEKO YOKUSEBENZA KWEENQANAWA ZOKULOBA
IKHUTSHWE
UHLAZIYO 2003
Imithetho nemimiselo yokhuseleko yokusebenza kwenqanawa zokuloba
INTSHAYELELO
Ukuloba kumanzi aseMzantsi Afrika kuziIndidi ezahlukeneyo ukusuka kweyona ndlela yakhe yalula yokuloba ukuya kweyona ndlela enobunkunqela.
Kuwo wonke amacala okusebenza ukuloba ngowona msebenzi onobungozi. Asibo bume bemeko yokusebenza kwabalobi enobutshaba, umsebenzi lo wodwa uzele zingozi ezinokuthi zinqandwe ngokuthi kwaziswe indlela zokusebenza ezikhuselekileyo.
Iinjongo zalo mmiselo wokhuseleko wokusebenza kukuzisa ingqwalasela yabalobi kunye nabo bantu abasebenzisa ukuloba njenge- ndlela yokuphila, imigaqo kunye nezithethe ekumelwe ukuba zisetyenziswe ukwenza imeko yokusebenza ibe yekhuselekileyo.
Lo mmiselo awubhalwanga ukwenzela ukuba usetyenziswa ngabalobi bodwa koko wenzelwe ukuba usetyenziswe nguwo wonke ubani onento yokwenza ekhwele inqanawa yokuloba. Kumelwe ukuba iziswe kwingqwalasela yabo bonke abo babandakanyekayo kumsebenzi wemihla ngemihla enqanaweni lonto iquka kunye nabasebenzi basenqanaweni. Kumelwe ukuba ifundwe ngokuhlangeneyo Nommiselo Wokhuseleko loMsebenzi Wezelwandle ka-1994
Okokugqibela, lommiselo kumelwe ukuba usetyenziswe njengesixhobo sokufundisa. Iqubisana kunye neziseko zokukhuseleko lwabalobi kwaye inika nemithetho-sisekelo ekumelwe ukuba ibe lulwazi oluqhelekileyo kwaye nolusetyenziswayo kurhwebo ngokuloba.
IZIQULATHO
Isahluko 1 IIMFANELO
Indima yamaqumrhu kunye nabantu ababandakanyekayo ekulobeni
Isahluko 2 UKHUSELEKO KWINQANAWA
Jikelele
Ukuvulwa kwamasango enqanawa
Ukuvulwa nokuvalwa kwezixhobo
Iindawo zokuma iinqanawa ( i-ankile), iintsontela zokubophelela inqanawa nemixokelelwano
Ukuzinza
Isahluko 3 UKHUSELEKO KUMGANGATHO
Imigangatho wokungena enqanaweni, izinyuko, iileli, imivalo kunye nabalindi
Ukukhanya kumgangatho
Izilumkiso zokuwela emanzini
Iintsontela neentsontela zokubophelela inqanawa
Iintlobo ngeentlobo
Isahluko 4 UKHUSELEKO NGEXESHA LOKULOBA
Jikelele
Umnatha omkhulu emazantsi nasembindini wamanzi
Ukuloba ngemitha ukuloba ngomtya omde wokuloba ukuloba ngentonga yokuloba iintlanzi ezinkulu
Isahluko 5 UKHUSELEKO KWIZITHUBA ZEMATSHINI KUNYE NEZIXHOBO ZOMATSHINI
Owona msinga oqhubela phambili kunye nomatshini bokuncedisa
Ababilisi
Isixhobo sokutsala nokunyusa
Izikhenkcezisi kunye nendlela zomoya oxinezelweyo
Isilinda yerhasi kunye nokufakelwa
Ukufakelwa kombane
Izixhobo zesandla
Itotshi, imililo-tsolo kunye nemisebenzi eshushu
Inkqubo zendawo zangaphezulu
Isahluko 6 IZILUMKISO ZOKHUSELEKO EZIBALULEKILEYO
Ukhuseleko lwamehlo
Isixhobo nempahla yokukhusela
Ukupeyinta
Umsebenzi oyingozi
Ukuqashwa kwabafazi kwiinqanawa zokuloba
Isahluko 7 ISIXHOBO SOKUSINDISA UBOMI
Jikelele
Izikhitshana, amaphenyane okuhlangula, amaphenyane, iimpahla ekhusela ukuba ungatshoni emanzini
Iinkqubo ngexesha likaxakeka nemibutho
Isahluko 8 IZILUMKISO ZOMLILO NOKULWA UMLILO
Ukutshaya
Ukuthintela umlilo nezilumkiso
Ukulwa umlilo
Isahluko 9 UKUNYOTHULA IZITYALO
Ukuphawulwa
Uqeqesho
Ukukhangela izixhobo
Ukuphawulwa kwezixhobo
Umntu olawula izixhobo zokulawula
Ukurhintyelwa yomthwalo
Ukuhlolwa iintsontela ezenziwe ngeengcingo
Umthwalo ominxekileyo
Ukuhlolwa ekugqityweni komsebenzi
Ukuqiniswa kwamakhamandela
Ukususwa kwesiqu senjini namakhamandela
Inguqulelo kwisixhobo
Ukunxiba isigcina-ntloko.
Ukuhlolwa izikhuselo zamehlo, isiqu senjini, amakhamandela
Ukusasazeka kwemithwalo
Ukugcinwa kwezilenge
ISAHLUKO 1
IIMFANELO
Indima yamaqumrhu kunye nabantu ababandakanyekayo ekulobeni
Amaqumrhu kunye nabo bathi baqeshe abalobi kumelwe:
i Ukuba banike ukongamela kumntu onobuchule, nanjengokuba ezakuthi aqinisekise kangoko anakho ukuba abalobi bawenza umsebenzi wabo phantsi kwemeko ezikhuselekileyo nezinempilo;
ii Ubeke abantu amaqela abantu njengamagosa ezokhuseleko, amsebenzi wawo ikukuqinisekisa ukuba immiselo ephathelelene nezokhuseleko iyaqwalaselwa;
iii Boneliseke ukuba abalobi baqeqeshiwe ngokupheleleyo ngengozi zomsebenzi wabo kunye nokuba bangazikhusela njani na ukunqanda ukuba bangangeni kwezongozi nasekonzakaleni, ingakumbi abo balobi basandulukuqeshwa kufuneka kuqinisekisiwe ukuba banikwe imiyalelo noqeqesho olululo malunga nalo mmiselo wezokhuseleko;
iv Beka kwindawo ezifanelekileyo izilumkiso zaziso kunye nemiyalelo xa oko kuthe kwaba kumfuneke ngokommiselo wezokhuseleko okanye ngokunxulumene neemfuno zemigangatho yokwenza ngokukhuselekileyo.
Abalobi kufuneka baxele ngokukhawuleza kumphathi wenqanawa, igosa lezokhuseleko, umqeshi wabo, ukuba kuyimfuneko kumntu onobuchule nonegunya nayo nayiphina into engalunga abayifumanisileyo enqanaweni nenokuthi ibangele ingozi. Ukuba lonto ayilunganga kangangokuba ingazisa ingozi ngokungxamisekileyo, ukusetyenziswa kwesixhobo eso kufuneka kuthintelwe de sibe siyalungiswa.
Ukupopolwa rhoqo kwezixhobo kufuneka kwenziwe kwaye kubhalwe phantsi kwimizuzu yentlanganiso yekomiti yezokhuseleko. Oku kungqamene ikakhulu naso nasiphina isixhobo esisetyenziswa emthalweniA.
Abalobi kufuneka bazibenzise izikhuselo, izixhobo zokhuseleko kunye nezinye ezikhutshulwe ukhuseleko lwabo okanye ukhuseleko lwabanye, kwaye baxele izixhobo ezilahlekileyo okanye ezonakeleyo.
Inkcukacha zayo nayiphina ingozi eyenzeke ngexesha inqanawa iselwandle okanye kwisikhululo senqanawa kufanele ukuba ibhalwe kwincwadi yengxelo yezehlo okanye ibhalwe kakuhle kwaye ichazwe konegunya nobuchule, kwaye kufuneka kuthatyathwe amanyathelo ukuqinisekisa ukuba nasiphina isixhobo esonakeleyo sigciniwe ukwenzela ukuba sizokuphononongwa silungiswe.
Ngaphandle kwemeko ezifunekayo okanye xa athe wanikwa igunya lokwenza njalo umlobi kufuneka angasusi, alungise, okanye aphazamisane naso nasiphina isixhobo sokhuseleko okanye esikhutshelwe ukhuseleko lwabo kunye nolwabanye okanye baphazamisane nemethodi okanye inkqubo evunyiweyo ngenjongo zokunqanda ingozi nomonzakalo.
Abalobi kufuneka baziqhelanise kwaye bathobele imiyalelo yezokhuselo kunye nempilo ephelelene nemisebenzi yabo.
Kubalulekile ukuba umlobi ngamnye akwazi ukudada.
Abalobi kufuneka bayeke ukwenza izinto ngokungakhathali okanye izenzo ezinokuthi zibangele ingozi okanye ukwenzakala okanye ezinokuthi zibangele umonakalo kwizixhobo.
Izifundo ezenziweyo ngonobangela wengozi ezenzeka enqanaweni zibonisa ukuba ukusetyenziswa ngendlela engafanelekanga kotywala okanye iziyobisi zizo ezingunobangela. Abaphathi benqanawa kunye nabasebenzi benqanawa kufuneka banike ingqalelo kakhulu kulo mbandela. Kubonakala kuselithuba apho ubungqina bokusetyenziswa kakubi kotywala neziyobisi bungayingozi kubaphathi benqanawa kunye nabasebenzi. Oku kusetyenziswa kotywala neziyobisi zayiphi indlela nngumlobi kwinqanawa yokuloba kungenza ingozi enkulu kumsebenzisi lowo kunye nakwabanye abalapho enqanaweni. Oku kusetyenziswa kotywala kunye neziyobisi kufuneka kungakhuthazwa.
Kufuneka abalobi benikwe ithuba elanelayo ukunciphisa iingozi ezenziwa kukudinwa.
Phambi kokungciba nasiphi isixhobo injineli ephetheyo okanye nawuphi umntu kufuneka aziqhelise kunye nemiyalelo enikwe ngabenzi phambi kokuba aqalise ngomsebenzi. Apho kufuneka kwenziwe umsebenzi onke amalungu abasebenzi benqanawa kufuneka bayiqonde ngokucacileyo imiyalelo kwaye babambelele kuyo. Ingakumbi kwizixhobo ezisebenza ngegesi okanye ezibumanzirha phantsi koxinzelelo.
ISAHLUKO 2
UKHUSELEKO KWINQANAWA
JIKELELE
Umphathi wenqanawa kufuneka aqinisekise ukuba zonke iziqinisekiso ezifana nokhuseleko lweziqinisekiso ezifunwa ngumphathi onegunya osenqanaweni zisemthethweni.
Umphathi wenqanawa kufuneka aqinisekise kuko konke ubuchule bakhe ukuba inqanawa igcinwe ikwimeko elungele ulwandle kwaye zilungile ngalo lonke ixesha. Oku yimbophelelo esegunyeni yomphathi wenqanawa kunye nomnini.
Ukuba kukho ukuthandabauza ngokuphathelele kwimozulu efanele ukuloba umphathi wenqanawa kufuneka akuyekise ukuloba kwangethuba elilungileyo kwaye athathe isenzo sokulumkisa.
Inkathalo efanelekileyo kufuneka ithathwe ukugcina ungenelelo olukhululekileyo kuzo zonke iimeko zokulayisha nalapho umgca ozotywe kumphandle wenqanawa omisiweyo ukhona kufuneka kubanjelelwe kuyo lonke ixesha. Ingqalelo kufuneka ithathelwe ukuba apho kukho iimfuno zokuzinza kwenqanawa.
Ukulinda okubukhali kufuneka bugcinwe ngalo lonke ixesha kwaye abasebenzi benqanawa blunyukiswe ngengozi enzima ekufuphi, ukuza kweelwandle ngexesha lokuloba okanye xa kusenziwa omnye umsebenzi kumgangatho. Inkathalo ebalulekileyo iyafuneka kwimozulu embi, umzekelo ukwehlisa isantya xa amadoda enqumla kumgangatho.
Xa abasebenzi benqanawa kufuneka besebenze kumgangatho umphathi wenqanawa kufuneka aqinisekise ukuba banxibe izincedo zokudada. [ iibhatyi ezikhusela ukuba ungatshoni emanzini].
Abasebenzi kufuneka baqaphele zonke iingozi ezilindelekileyo ezinokulandela okanye iimbobo zolwandle.Ukuba ukuqethuka okanye ukuphuma emgaqweni kwnqanawa kwenzekile isantya kufuneka sincitshiswe.
Inkathalo engaphezulu kufuneka ithathelwe xa inqanawa ihamba ngokukhawuleza ngenxa yokungqubana kweegiyeri zokuloba.
Imiphantsi yeenqanawa kufuneka igcinwe ingenmazi kwaye kungekho mityobo na-oyile. Izihluzo zokutsala iimpompo zemiphantsi yenqanawa kufuneka ngalo lonke ixesha zigcinwe zicocekile.
UKUVULWA KWAMASANGO ENQANAWA
Inkathalo kufuneka ngalo lonke ixesha ithathelwe ingqalelo ukuqinisekisa ukukhupha amanzi avaleleke kumgangatho. Ukuvalwa kwezigqumathelo zokuvulwa kwamasango enqanawa kuyingozi. Ukuba izixhobo zokukhululwa zifakwe ukuvulwa kufuneka kufikelelwe lula. Phambi kokuba inqanawa induluke ngenxa yeemeko zomkhenkce, izigqumathelo zokuvulwa kwamasango enqanawa ukuba zikhululwe kufuneka zigcinwe zivulekile.
Xa umgangatho ongundoqo ulungiselelwa ukuthwala umthwalo womgangatho ngokuwahlulwa ngamaplanga echibi kufuneka kukho kukho imingxunya ukuvumela ukuqukuqela/ ukuhamba lula kwamanzi kumasango enqanawa akhululekileyo ukunqanda amanzi ukuba ngavaleleki.
Iiglasi zodonga lokhuseleko kufuneka sigcinwa rhoqo kwaye zivavanywe ukuqinisekisa ukusebenza kwazo ngokulula ngexesha likaxakeka. Kufuneka kuhlale ezingqondweni ukuba iglasi iya kufuna amandla angaphezulu xa intlanzi inokuhlala ecaleni kwayo.
Indawo kunye nenani lamasango okuvula inqanawa akhulekileyo kunye neeglasi zamadonga okhuseleko kufuneka angaguqulwa ngaphandle kwemvume yomphathi onegunya.
UKUVULWA NOKUVALWA KWEZIXHOBO
Yonke iminyango nezixhobo zokungenisa nokukhupha umoya kunye nezinye iindawo zokuvula apho amanzi anokungena kwisiqu senqanawa okanye kumgangatho wezindlu, kwindawo engaphambili enqanaweni, njalo njalo kufuneka zivalwe ngokufanelekileyo kwiimeko zemozulu embi kwaye zonke izinamathelo nezixhobo ezisetyenziswayo kule njongo kufuneka kufuneka sigcinwe kwimeko elungileyo.
Izixhobo zokuvala nezivalo zokhuseleko kufuneka zigcinwe kwimeko elungileyo.
Zonke izivalo nezikroba zomgangatho wokukhukulisa kufuneka zivalwe kwaye ziqiniswe ngokufanelekileyo xa zingasetyenziswa.
Ngexesha lokuloba inani lezivalo ezivuliweyo kufuneka zigcinwe zizincinane.
Xa kufikelelwa kwimozulu engentle ukuphendla kufuneka kwenziwe ukuqinisekisa ukuba izivalo nezikroba zilungile..
Amaplanga esivalo kufuneka ephawulwe ngamanani ngokulandelelana ukusuka phambili ukuya emva ukuze akwazi ukususwa ngokufanelekileyo.
Xa izivalo zisuswa kufuneka zipakishwe ngendlela eya kuvumela eya kunika ukudlula okukhululekileyo ecaleni komphetho wesivalo.
Ukuvulwa okanye ukuvulwa ngokungaphelelanga kwesivalo kufuneka kugqunywe ngeseyile ukunqanda amanzi angangeni.
Imingxunya akufunekanga ishiwe ivuliwe ngaphandle kokuba iintsika neentambo zokhuseleko zisendaweni. Apho kususwe iipleyiti zomgangatho zisusiweyo kufuneka ukuba loo ndawo ikhanyiswe ngokwaneleyo.
Ukulahla izibilini zentlanzi ekukhokelela ekutsibeni kwamanzi phantsi komgangatho ongundoqo kufuneka kuvaliwe xa kungasetyenziswa. Isaziso ngokuphathelele kulo mba kufuneka ubonisiwe ngakumatshini wokuvala.
Onke amacala ezikroba ezinesiciko kunye nezibane zomgangatho kufuneka zivalwe ngokukhuselekileyo.
Zonke izixhobo zokuvala ezikhankanywe kweli candelo kunye nelo theku elimnxinwa kunye nokukhupha ulwaleko lweqokobhe kufuneka kuphendlwe kwangexesha.
Yonke iminyango ebonelela indlela eya kwindawo yokuhlala neendawo zikamatshini kufuneka ibonelelwe ngoomatshini bokuvala ukuze isebenze kwamanye amacala eengcango.
Imingxunya yokungenisa nokukhupha umoya kufuneka ibonelelwe ngoomatshini ukuphepha ukuba abasebenzi benqanawa bavule amacango aqinileyo amanzi kunye nezivalo ukubonelela imingxunya yokungena nokukhupha umoya.
IINDAWO ZOKUMA IINQANAWA ( I-ANKILE), IINTSONTELA ZOKUBOPHELELA INQANAWA NEMIXOKELELWANO
Iindawo zokuma iinqawana, iintsontela zokubophelela nemixokelelwano kufuneka zihlolwe njalo kwaye zivavanywe nokweemfuno zomphathi onegunya. Ukusebenza kwe-ankile kunye nesixhobo sokutsala kufuneka zivavanywe njalo.
Iintsontela zokubophelela kufuneka zirhoxiswe ekusetyenzisweni xa kukho isiphene esibonakalayo. Iintsontela zokubophelela ezaphukileyo akufunekanga zidityaniswe ngeengcingo, ngokufaka izikhonkwane phakathi kwamalungu okanye uhambise ilungu ukusuka kwelinye ukuya kwelinye kwaye ufake isikhonkwane ukuyibamba. Amaqhina akufunekanga abekwe kwintsontela ; iintsontela ezineziphene kufuneka zilungiswe kuphela ngabantu abaqeqeshiweyo kwaye basebenzise isixhobo ezifanele loo njongo.
UKUZINZA
Abaphathi benqanawa kufuneka bayiqonde imiqathango esisiseko yokuzinza kweenqanawa ezihambayo.
Umphathi wenqanawa kufuneka aqonde ukuba ulwazi lokuzinza olunikwe inqanawa luya kumvumela ukuba athelekelele ukuzinza kwenqanawa naphantsi kwayiphi imeko yokulayisha.
Ukuthobela imilinganiselo yokuzinza akuqinisekisi ukungabi nakuchukunyiswa kokuphethuka nokokuba iimeko okanye ukuxolelwa/ ukukhululwa komphathi kwiimfanelo zakhe. Umphathi ngoko kufuneka asebenzise ubulumko kunye nobumatiloshe bakhe obufanelekileyo enika ingqalelo kwixesha lonyaka, kwimozulu nakwindawo apho inqanawa ihamba khona, kwaye athathele ingqalelo kwicebo elifanelekileyo eliqulathwe kwimihlathi elandelayo yeli candelo.
Umphathi weqanawa kufuneka athathe amanyathelo okulumkisa ukuze agcine ukuzinza kwenqanawa. Yonke imiyalelo ephathelele kukuzinza kwenqanawa enikwe ngumphathi onegunya kufuneka iqwalaselwe ngobungqongqo.
Ukulandelelana kokubeka intlanzi kwiingxowa kufuneka kwenziwe ngendlela eya kunqanda ukuqethuka okanye ukungqetha okanye ukulayisha okukhululekileyo okwaneleyo kwenqanawa.
Ukunqanda ukutshintsha iintlanzi ezithwele ngokobukhulu, kwizahlulo eziphathekayo kwingxowa yokufaka kufuneka kufakwe ngokufanelekileyo.
Ukugcwalisa ngokungaphelelanga iitanki kunganobungozi; ubungxengengxenge beqela leetanki kufuneka bugcinwe buncitshisiwe.
Imiyalelo ephathelele kuzinzo kufuneka iqwalaselwe.
Ukususa okanye ukutshintsha ngokungaphelelanga okanye ngokupheleleyo wezinto ezinzima ezilayishelwa ukuzinza kwenqanawa okusisigxina kufuneka kuthintelwe.
Ulwazi lomkhenkce kwinqanawa kuyingozi kwaye kufuneka kuncitshiswe ngeendlela ezisebenzayo.
Zonke iigiyeri zokuloba kunye nezinye izixhobo ezinzima kufuneka zibekwe phantsi kwinqanawa kangangoko.
Inkathalo ebalulekileyo kufuneka ithathelwe ingqalelo xa ukutsala iigeyeri zokuloba zinganempembelelo engalunganga kuzinzo, umz: xa iminatha zitsala okanye zibamba isithintelo kwintsele yolwandle.
Apho iigiyeri zokuloba zinomthamo omkhulwana wokubamba unikiwe kwinqanawa ukwandisa okulindelekileyo kokulayisha okuneempembelelo engalunganga kuzinzo kufuneka kumiselwe, ngumyili weenqanawa kwakunye nencwadi yozinzo elungisiweyo yaze yavunywa yiSAMSA.
Naziphi iimeko zokulayisha okanye iziqu zenjini ezisemgangathweni ezichazwe kwincwadi yokuzinza kufuneka iboniswe ngokudandalaziyo kwindlu yomqhubi enqanaweni. Apho kuqashwe umphathi wenqanawa omtsha wokulawula okanye abanini kufuneka kuqinisekiswe ukuba umphathi oqashiweyo unengqiqo ngezi meko.
ISAHLUKO 3
UKHUSELEKO KUMGANGATHO
IMIGANGATHO WOKUNGENA ENQANAWENI, IZINYUKO, IILELI, IMIVALO KUNYE NABALINDI
Zonke iileli nezinyuko kufuneka zigcinwe ngokufanelekileyo nangokwaneleyo. Iileli ezenziwe ngomthi akufunekanga ukuba zipeyintwe , kodwa mazivanishwe okanye zikhuselwe ngesigcinakalo esicacileyo.
Imigangatho yokungena enqanaweni, izinyuko, iileli kunye neendlela ezimxinwa kufuneka zigcinwe zicocekile ukunqanda ukuwa ngenxa yeemeko ezityibilikisayo. Izinyuko kunye neeleli kufuneka zibe namanyathelo angatyibilikiyo.
Amaplanga emigangatho , nemigangatho yokungena yezibonda kunye neeleli kufuneka zikhuselwe kwikushenxiso okanye kudiliko.
Iingozi ziqheleke ukwenzeka kuba iindlela ezifanelekileyo zokungena nokuphuma enqanaweni azisetyenziswa. Abalobi akufunekanga batsibe ukusuka enqanaweni ukuya elunxwemeni okanye ukusuka elunxwemeni ukuya enqanaweni. Inethi ephantsi komgangatho wokungena ingaluncedo kwezinye iimeko.Iindlela kumgangatho wokungena nakwiileli zokuhlala kufuneka zilungiswe njalo ukwenzela ukufikelela okukhuselekileyo kuzo zonke iimeko zokuzala nokurhoxa kolwandle.
Xa inqanawa iphela ngeleli okanye umgangatho wokungena uphezu kwedonga lokukhusela, amanyathelo azinze ngokomeleleyo kufuneka akhokele ukusuka kumntla wodonga lokhuseleko ukuya kumgangatho kwaye kufuneka abonelele ngeendawo zokubambelela ezikhuselekileyo kwaye ezomeleleyo ezifana nomvalo okanye intsika. Inkathalo kufuneka ithathwe ukuze ucwangciso luvumele ukufikelela okulula nolukhululekileyo ukusuka kwileli okanye kwindlela yokungena kwinyathelo okanye ngokuphendulelekileyo.
Amanyathelo ngenx'engaphambili kufuneka athathwe xa iileli zisetyenziswa ukukhwela enqanaweni. Imithwalo kufuneka ingathwalwa kuyo kwaye iileli akufunekanga zisetyenziswe kwaphela apho kukho izinyuko okanye imigangatho yokungena kwinqanawa ngaphandle kokukhwela okanye ukwehla kwinqanawe okanye ukuwela usuka kwenye inqanawa ukuya kwenye.
Ukusetyenziswa kweeleli ezinokuphatheka elwandle kufuneka kuphetshwe, kodwa ukuba kuyimfuneko ukuba zisetyenziswe kufuneka zikhuseleke ngokomeleleyo ekutyibilikeni. Iziseko ezingatyibilisiyo zingasetyenziswa okanye iileli zingabanjwa ngezantsi ngomnye umntu. Umlenze kwicala ngalinye kufuneka ubekwe kumphezulu osicaba kwaye oqinileyo, kwaye soloko isendaweni. Abasebenzi abasebenza kwiileli kufuneka banxibe iimpahla ezikhuselekileyo ezibotshelelwe kwinxalenye yenqanawa ezingabotshelelwanga kwileli.
Iileli zentsontela ezineplanga elide elimxinwa kufuneka zibonelelwe ukunqanda ukujijeka. Kufuneka zingenziwa ngentsontela yecingo lwentsimbi kwaye akufunekanga zisetyenziswe:
i ukuba enye iragi ayikho, icandekile okanye ibolile;
ii intsontela ikwimeko elambathayo okanye imisonto yaphukile;
iii ukuba ayindanga ngokwaneleyo ukufika kumgangatho wamanzi okanye kwisithulelo senqanawa.
Iileli ezinjalo kufuneka zandiswe kwaye akufunekanga zingaqiniselwa kwisikhuselo esijikeleze isikhephe ngaphezulu ngeeragi. Kufuneka abe mnye kuphela umntu ngexesha ovunyelwa kwileli yentsontela. Abantu abanyukayo okanye abehlayo kufuneka babe nenkathalo yokubambelela kwiintsontela bangabambeleli kwiiragi.
Iileli akufunekanga isetyenziswe ukuba -
i inamalungu angekhoyo okanye aneziphene;
ii iragi elungiswe ngezikhonkwane, okanye naziphi iindlela ezingakhuselekanga.
Iintsika eziphathekayo kufuneka zikhuseleke kwingozi yokuphakanyiswa.
Izigquma ngamaplanga seenzanwe okanye izithintelo zeplanga elikwinqanawa kufuneka zibotshelelwe ngokukhuselekileyo.
Imivalo kufuneka igcinwe kwimeko elungileyo.
Imivalo yezandla ephathekayo kufuneka ngalo lonke ixesha ikhuselekile kwaye isendaweni xa inqanawa isiza.
Iinqanawa zokuloba kufuneka zithwale iileli zomalathisi-ndlela namadoda okubamba intsontela xa iinqanawa ziseluhambeni kwimeko apho oomalathisi-ndlela banokusetyenziswa.
Imigangatho kufuneka igcinwe ingena-oyile ngalo lonke ixesha. Izitywina ezivuzayo okanye iziqhagamshelo kwimigca yoxinzelelo yolwelo okanye izixokelelwano zezithambiso kufuneka zinyamekelwe kangangoko. Iingxowa zesanti okanye imbuphu yesarha kufuneka ithwalwe kwaye kufuneka isasazwe kumgangatho kwimeko yokuvuza. Isihlambululi esifanelekileyo esaneleyo kufuneka naso siphathwe.
UKUKHANYA KUMGANGATHO
Ngexesha lobumnyama kufuneka kubonelelwe ngozikhanyiso ezaneleyo kumgangatho wokungena enqanaweni kunye nakuzo zonke iindawo kumgangatho apho istafu kufuneka sisebenze khona okanye siwele ukuze izithintelo zibonakale.
Ngexesha lokuloba izibane kumgangatho akufunekanga zicinywe ngaphandle kokuba ukuloba kufuna ubumnyama kwaye ubushushu besikhanyisi obunamandla aphantsi kufuneka bufakiwe kwiindawo apho abasebenzi basebenza khona akonye bawela khona.
Isikhanyiso kufuneka sibekwe ukuze zingaphanyazi isibonelo okanye zingenelele kukusebenza kwezibane ezimiselweyo zokuqhuba inqanawa
Akufunekanga nakweyiphi imeko ukuba izibane zokuqhuba inqanawa ezimiselweyo zikhuselwe okanye zenziwe luzizi xa inqanawa ihamba.
IZILUMKISO ZOKUWELA EMANZINI
Abalobi kufuneka ngalo lonke ixesha bazikhusele ekuweleni emanzini kuba oku kunqanda unobangela omkhulu wokubhubha kwabalobi. Ukudlokova nokugungqagungqa kweenqanawa ezincinane, ukunyusa isantya ngequbuliso, ukwenza umsebenzi wokuloba entsokothileyo kwimigangatho evulekileyo, ukutsala kaninzi nokuvulela iigiyeri emacaleni okanye kumva wenqanawa, ukusebenza kwimigangatho emanzi etyibilikisayo apho ngamanye amaxesha igqunywe ligazi lentlanzi kunye nezibilini kunye nokudinwa okungenakunqandwa okubangelwa kukusebenza iiyure ezinde zimeko ezingakhokelela ukuba abalobi bawele emanzini.
Kwisimo sezulu iinqanawa zokuloba zikwimeko yokugutyungelwa ngamaza xa zisendleleni emva kokuba ilele ngecala eliphezulu kumaza ingakumbi ukuba indlela entsha isemoyeni. Amadoda asebenza kumgangatho akwimeko yokuqengqeleka ukuba kwaye ukuba kukho utshintsho lwequbuliso kwintshukumo lungabafumana bengaqaphelanga. Kuba inqanawa inemfanelo kukugutyungelwa ngamaza kweli nqanaba abasebenzi banokwenzakala. Kwezi meko abasebenzi bacetyiswa ukuba batshintshe indlela kunye/okanye isantya.
Kufuneka kukho ulumkiso ezisebenzayo nesixokelelwano sonxibelelwano phakathi kwendlu yomqhubi enqanaweni kunye nabasebenzi kumgangatho.
Njengesilumkiso esikhuselekileyo, kufuneka kumiselwe iintambo ezisetyenziswa ekukhuseleni abantu abasengozini yokutshona kudidi nakubukhulu benqanawa nakwiimeko zemozulu ekhoyo.
Xa abalobi kufuneka basebenze kwindawo etyhilekileyo okanye ukufika kwicala elinemozulu enzima kufuneka bakhuselwe ngeetambo ezisetyenziswa ekusindiseni abantu abasengozini yokutshona, ngamabhanti okhuseleko okanye banxibe iibhatyi ezinxitywa emanzini.
Ngexesha lemozulu embi okanye xa inqanawa igqengqeleka ngamandla isantsya esiphezulu senqanawa kufuneka sincitshiswe xa abasebenzi kufuneka besebenze kumgangatho.
Abalobi akufunekanga basebenze bodwa kumgangatho xa imo yezulu imbi ngaphandle kokuba umlindi okwindlu yomqhubi wenqanawa inolwazi ngobukho babo kwaye unike imvume yokuba kusetyenzwe kumgangatho.
IINTSONTELA NEENTSONTELA ZOKUBOPHELELA INQANAWA
Abalobi kufuneka baziqhelanise neentlobo ezahlukeneyo zeentsontela neentsontela zokubophelela inqanawa kunye nemisebenzi yazo ethile ezisetyenziswa kwinqanawa ingakumbi kwiimpawu ezaphukileyo zokudityaniswa kweentsontela.
Iintsontela zeengcingo kufuneka ngalo lonke ixesha ziphathwe ngenkathalo enkulu, kwaye iiglavu kufuneka zisetyenziswe njengezikhuseli kwiingozi ezivela kwimisonto ethe phuhlu. Imisesane akufunekanga inxitywe xa kusetyenzwa ngeentsontela zengcingo.
Inkathalo kufuneka ithathwe ukuphepha ukumosha okanye ukwenza buthathaka iintsontela ngenxa yokutsaleka ngamandla ingozi okanye ukukhuhla nokunqunqa ngezinto ezibukhali.
Abalobi kufuneka ngalo lonke ixesha baqiniseke ukuba basebenzisa iintsontela neentsontela ezenziwe ngeengcingo kwinjongo ekujoliswe kuyo. Inkathalo kufuneka ithathwe ukuqinisekisa ukuba ezi zinto zikwimeko elungileyo kwaye zinamandla afanelekileyo okusebenza.
Iintsontela kunye neentsontela ezenziwe ngeengcingo kufuneka zivavanyelwe ukugruzuka nokwaphuka, imicu okanye imisonto emandundu okanye eshenxisiweyo okanye ezinye iziphene.
Iintsontela yemicu akufuneka ibekwe kubushushu obuninzi okanye kwikhemikhali ezinobungozi. Xa zingasetyenziswa kufuneka zisongwe kwaye zigcinwe kwiindawo ezikhupha zingenise umoya, zingabekwa elangeni.
Intsontela yecala lasekunene ethathwe kumbijelo omtsha kufuneka irhoxiswe ngokuchaseneyo ngokujikeleza ngokwasekunene ukusuka ngaphakathi ukwenzela ukugcina ukubhijela.
Ukujijeka kwiintsontela kufuneka ngalo lonke ixesha ikhutshwe ngokuthandelwa okuchanekileyo,umz: ukutyandelwa kwasekunene ngentsontela yasekunene. Ukujijeka kwentsontela eyenziwe ngeengcingo akufunekanga nanini itsalwe ngokuqinileyo
Umthwalo akufunekanga ubekwe kwintsontela ngequbuliso okanye ngokuxhuzula kuba oku kuya kusindisa intsontela kwaye iyenze ibe buthathaka.
Isidibaniso sokuhlomela kufuneka sisetyenziswe apho kuyimfuneko kwindawo eneqhina eyenza buthathaka kakhulu intsontela.
Zonke iziqu zenjini kufuneka zinamandla awoneleyo kwaye zinkulu ngokwaneleyo kwintsontela. Idayamitha yomqulu kufuneka ufanele intsontela. Inkathalo kufuneka ithathwe ukuqinisekisa ubukhulu bemigca ekroliweyo yemiqulu kunye nemeko efanele ubukhulu bentsontela esetyenziswayo. Amakhamandela axhasa iziqu zenjini kufuneka ahlolwe njalo ekunxibeni nasekutshintshweni apho kuyimfuneko. Iimortyisi kufuneka benziwe ntsundu.
Intsontela eyenziwe ngocingo efakwa kwifimbili kubukhulu obufanelekileyo ukwenza iliso kufuneka ihlonyelwe ngokufanelekileyo okanye ikhuselwe ngezibambi ezingu-U ukuze isikhonkwane esinamaqoqo zingene kwisiphelo esifutshane sentsontela eyenziwe ngocingo.
Umchako okanye intsontla akufunekanga ilahlwe ngokungakhathaliyo kwicala lenqanawa kuba ingangcolisa isiqhubi.
Iintsontela ezilahliweyo, iminatha okanye enye igiyeri ayinakulahlwa elwandle. Kufuneka igcinwe enqanaweni zize zilahlwe elunxwemeni.
Ngexesha lokuphatha amatyathanga okanye ezinye iintsontela ezenziwe ngeengcongo okanye iintsontela abalobi kufuneka babe nenkathalo bangemi kwirhintyela. Iintambo zentsimbi kufuneka zithandelwe kwiindawo zazo ezifsanelekileyo izee iindawo ezisikiweyo zentsontela eyenziwe ngeengcingo zibe kwiibhobhini zazo ukunciphisa irhintyela elinokwenzeka.
IINTLOBO NGEENTLOBO
Imigangatho kufuneka igcinwe ingenazigiyeri ezilahliweyo ezinokubangela ukukhubeka okanye ukwenzakala kwabasebenzi xa benqumleza imigangatho xa inqanawa iqengqeleka okanye idlokova.
I-oyile okanye amafutha achithekileyo okanye ubutyobo bentlanzi kufuneka kunkcenkceshelwe kwaye kucocwe ukuze umgangatho ungatyibilikisi. Ithumbu lokunkcenkceshela lomgangatho kufuneka ligcinwe lingajijekanga.
Xa abalobi kufuneka besebenze ngaphezulu kufuneka basebenzise isitulo sikamongameli woomatiloshe kunye nebhanti yokhuseleko. Xa isitulo sikamongameli woomatiloshe silungiselelwa ukuhlala umphambili wenqanawa ingenguye unotaka wekhamandela kufuneka uhlale kwintambo exhasa imasti enqanaweni okanye kwilungu lokuma. Izitulo zikamongameli woomatiloshe kufuneka ngalo lonke ixesha zibanjwe ngesiqu senjini kunye nesakhelo sentsimbi; ukusetyenziswa kweehaki kwiileli kule njongo kufuneka kungavunyelwa.
Izihlunu zethanga ingezizo ezomqolo kufuneka zisetyenziswe ukuphakamisa izinto ezinzima, oko kukuthi umntu kufuneka achophe egobe amadolo aze agcine umqolo uthe tyaba kwaye ume kakuhle aze aphakamise umthwalo ngeengalo ezime tse ngokolula imilenze.
I-emele yamanzi akufunekanga isetyenziswe xa inqanawa ihamba kuba kukho ingozi yokokuba umntu oyisebenzisayo angawela emanzini.
Ukutshintshwa kwestafu, okanye iivenkile eziselwandle akufunekanga kwenzeke ngaphandle kwemfuneko epheleleyo.
Isikhitshana sokusebenza akufunekanga simke elwandle ngaphandle kokuba sixhotyiswe ngokwaneleyo. Abasebenzi kufuneka ngalo lonke ixesha banxibe izixhobo zokudada.
Abasebenzi abongamele isikhitshana sokusebenza kufuneka baqeqeshelwe ukusebenzisa izixhobo zokusindisa, zixhobo ezo ekufuneka zigcinwe kwisikhitshana.
Abasebenzi abongamele isikhitshana sokusebenza kufuneka baqeqeshwe kwinkqubo zokhuseleko nokundulula ngokukhawuleza nokufumana kwakhona isikhephe. Indawo apho isikhitshana siza kundululwa kuyo kwaye kufunyanwe kwakhona kufuneka ikhanye ngokwaneleyo.
Xa isikhitshana sokusebenza sikude kwicala lesikhephe isibonelo kufuneka sigcinwe kwisikhitshana esisebenzayo kuwo onke amaxesha. Xa kusetyenzwa ebusuku elwandle phakathi kweenqanawa ezimbini kufuneka kukhanyiswe ngesibane esibukhali sokufuna.
Izigcina-ntloko zokhuseleko okanye iminqwazi yokhuseleko kufuneka inxitywe kwiimeko apho iingozi zentloko zilindelekileyo.
ISAHLUKO 4
UKHUSELEKO NGEXESHA LOKULOBA
JIKELELE
Umphathi oseblorhweni kufuneka abe nesibonelo esibukhali kuyo yonke imisebenzi yokuloba ingakumbi kukuza kolwandle olunamandla. Yonke imiqondiso enikiweyo kufuneka ibe yeyakhayo kwaye iqondwe ngokucacileyo.
Zonke iigiyeri ezisebenzayo, nokuba zimile okanye ziyahamba kufuneka zigcinwe kwimeko elungileyo kwaye zihlolwe njalo. Amadoda akumgangatho aya kuba kwingozi ukuba intsika egquma iseyile ivulekile iyajingajinga xa iintambo zayo zisahlukana.
Abalobi akufunekanga banxibe imisesana xa bebambe iminatha okanye ezinye iigiyeri zokuloba.
Abalobi kufuneka bame qelele kwimichako ehambayo kunye/okanye kwiintsontela ezenziwe ngeengcingo ukuze intshukumo yenqanawa ingabalahleli kuzo.
Abalobi kufuneka bame qelele kwiigiyeri zazo zonke iintlobo ezidlulayo.
Abalobi akufunekanga beme kumalungu egiyeri ezilele phantsi kumgangatho xa intsalela yelungu isesecaleni.
Iigeyeri zokuloba ezingqubanayo ziyingozi kwaye kufuneka ziphathwe ngenkathalo egqithisileyo. Abalobi kufuneka baziqonde iingozi zokuphatha izinto ezingaqhelekanga, ezifana nezixhobo eziqubulayo okanye imigqomo yeekhemikhali, ukutsalwa ngegiyeri yokuloba.
Izithintelo kwigiyeri kwintsela yolwandle ngonobangela bengozi kumgangatho kude kube licandelo lokugqibela legiyeri elisenqanaweni. Ukutsaleka okugqithisileyo kungenzeka kwiindawo ezingalindelwanga xa inqanawa iqengqeleka ingakumbi xa isithintelo sinesiphelo kwigiyeri eyahlukaniswayo kwisiphelo esinye kwaye umthwalo wonke utsaleka kwiwaphu enye.
Abalobi kufuneka bangabeki iminwe nezandla zabo engozini ngokucoca umgca okwishivu yesiqu senjini. Izixhobo ezifanelekileyo kufuneka zisetyenziswe ekucoceni.
Ungqameko nesifekele kufuneka zakhiwe ngononophelo kwizindlu zeentlanzi. Amachibi eenqanawa kufuneka angafunjwa ngemfumba ezindyengelele.
Ukuba isibonelo sibekwe ngakwimboniselo ephezulu emastini kufuneka asisebenzise ngokukhwela kwimasti kwaye azimise kakuhle ngaphakathi aze angangxabalazi kwimivalo ekhuselayo.
Izidibanisi zeengcingo kwimichako kufuneka ngalo lonke ixesha zisikwe/zichetywe.
Isitafu esingafunekiyo kufuneka singavunyelwa nandawoni kumgangatho wokusebenza xa kudutyulwa naxa kutsalwa.
Abalobi akufunekanga basebenzise iimela xa besenza nawuphi umsebenzi ongafuni kusetyenziswe iimela.
Zonke iziqu zeenjini, amasango entsimbi, amakhamandela nezinye izinto zegiyeri zokuloba kufuneka zinamandla awoneleyo wemithwalo eya kubekwa kuzo. Kufuneka kwakho zigcinwe ngokufanelekileyo.
Abalobi kufuneka baziqonde iingozi zempilo zokuphatha ishishini lwentlanzi. Intlanzi emanzi egciniweyo igqiba i-oksijini kwaye ingavelisa iigesi ezinetyhefu xa isonakala. Kwindawo evaliweyo i-atmosfera ingangcoliseka kwaye ibe nentswelo kwi-oksijini enokubangela okugula okanye ukuva kulowo unokuyiphefumla.
Xa abalobi befaka isithiyelo okanye bepakisha izixhobo kufuneka bazothule ngendlela eya kwenza umthwalo ungadilikeli phezu kwabo.
Amalungu amatsha abasebenzi kwinqanawa kufuneka baxelelwe ngesimo sokusebenza enqanaweni nangeengozi zomsebenzi abelwe zona kufuneka zicaciswe.
Bonke abalobi abakumgangatho wenqanawa kufuneka banxibe izincedisi zokudada.
UMNATHA OMKHULU EMAZANTSI NASEMBINDINI WAMANZI
Xa kusetyenziswa imigqomo yokuthandela inkathalo kufuneka ithathelwe ingqalelo ukugcina impahla ingakumbi, izikhafu neeglavu zithe qelele kuyo.
Umntu onamava kufuneka aqeshwe ongamele isixhobo sokutsala okanye sokunyusa ngawo onke amaxesha. Isixhobo sokunyusa okanye sokutsala akufunekanga sisetyenziswe okanye sishiywe sisebenza kungekho mntu kwizixhobo zokulawula. Iintambo akufunekanga zisetyenziswe ukuqinisa izixhobo zolawulo zezixhobo zokunyusa nokutsala.
Imijikelezo eyaneleyo yokujijeka komnatha kufuneka uhlale ujikeleze umgqomo wokutsala nokunyusa umnatha ngalo lonke ixesha: isiphelo sesithandelo sojijeko singadala ingozi emandundu. Kuyacetyiswa ukuba kugcinwe kwimijikelezo emi-5 kumgqomo ubuncinane ngawo onke amaxesha.
Xa kudutyulwa naxa kuthuthwa ukuba elinye ilungu legiyeri njengekhoki esentanjeni yokuloba ethe yabambeka kwimpahla yomntu kufuneka ngoko nangoko isuswe ngokusika impahla.
Abalobi akufunekanga beme phakathi kwesiphelo sentambo kunye nodonga lokhuseleko okanye ibhobhile yomvalo: zingashwabana xa inqanawa iqengqeleka.
Abalobi kufuneka beme qelele kwisiphelo sentambo xa inyuswa. Akufunekanga bagqithe phantsi kwesiphelo sentambo enyuswayo.
Abalobi kufuneka beme qelele kwindoda ebambe amatyathanga kuba kufuneka inomhlaba owaneleyo wokutsibela qelele xa iingcango zinokudibana ngokuqathalala.
Kuyingozi kakhulu ukuba kwisikhuselo esijikeleze isikhephe ngaphezulu kwaye ingqalelo kufuneka ithathwe xa kulungiswa amatyathanga.
Abalobi akufunekanga beme phantsi kwesiqu senjini ephantsi komthwalo okanye evumelana nomsinga ekulindeleke uhambe ngawo xa unokusilela. Abalobi kufuneka baziqonde iingozi ezingaphezulu ezilindelekileyo xa kusetyenzwa ngokunyusa nokuthutha igiyeri.
Isango/ iheke ethambekileyo yomva wenqanawa ekumva wenqanawa yokuloba kufuneka ivalwe kwaye iqiniswe ngaphandle kokuba kuxa kudutyulwa okanye kuthuthwa.Ngamanye amaxesha xa iheke ivuliwe umgca wokhuseleko kufuneka uxhotyiswe ngokuqumleza isithuba. Apho abalobi kufuneka basebenze kufutshane nendawo ethambekileyo enesango elivulekileyo kufuneka kunxitywe impahla yokhuseleko eneentambo zokusindisa ezingozini.
Xa intlanzi iqandusela kumva wenqanawa yokuloba ovuliweyo kufuneka uqiniswe ukunqanda ukuqandusela kungavali ukuba ibethwa lulwandle oluza emva kokuqakadula.
Xa iingcango zisiza abalobi kufuneka beme qelele kuphahla okanye indlela emxinwa ukunika indoda etsala nenyusa isixhobo sokutsala nokunyusa imbono ecacileyo. Akufunekanga beme phakathi kwamaphahla kunye nesikhuselo esijikeleze isikhephe ngaphezulu xa iingcango zivela. Kwiinqanawa apho indado esebenza ngesixhobo sokutsala nokunyusa ayinayo umbono ocacileyo iingcango ezisa kuphahla kufuneka unxibelelwano olunentsingiselo/olusebenzayo ukusuka kwiphahla ukuya kwisikhululo sezixhobo sokulawula isixhobo sokutsala nokuyusa.
Kwiinqanawa zokuloba ezisecaleni eziguqulelwe ukusuka kumnatha omkhulu ukuya kumva wenqanawa inkathalo ebalulekileyo kufuneka ithathwe xa kusetyenzwa emva kweplatfomu ingakumbi xa kulungiswa iminatha. Intsontela yokhuseleko okanye itsheyini kufuneka libekwe emva ekupheleni kweplatfomu.
Ukuloba ngokurhangqa iintlanzi yimethodi yokuloba enengozi ngenxa yobukhulu nobunzima bomnatha, nesantya esimiselwe wona kunye namandla angonyamela umnatha, iingcingo zawo neziqu zenjini ehambisanayo noomatshini ngexesha kulotywa nasemva kokuloba.
Oomatshini bomgangatho kufuneka bakhangelwe ngokugqibeleleyo phambi kokuba inqanawa ishiye izibuko, kwaye nasiphi isiphene kwiziqu zeenjini, kwiimortyisi, kwiintsontela ezenziwe ngeengcingo, okanye abanye oomatshini nezixhobo ezisetyenziswa ekulobeni kufuneka sixelelwe umntu onemfanelo kwangoko zilungiswe. Zonke iimortyisi eziqiniswayo kufuneka bafakwe ngesixhobo esiqinisayo ukunqanda ingozi enokwehla. Ingakumbi isixhobo esiqinisayo sokuqinisa ihenjisi yaso nasiphi isiqu senjini esithatha ngokukhawuleza kufuneka sivavanywe kubonwe ukuba sisebenza ngokwanelisayo.
Umatiloshe osebenza emgangathweni wenqanawa wesandla owongamele ukuqalisa i-ankile yolwandle kufuneka alunyukiswe kwiingozi ezinokuphingela kumnatha okanye kwiintambo zawo ngexesha lokumiselwa kwaye kufuneka egcinwe phantsi kwengqalelo xa ebandakanyeka kulo msebenzi unengozi. Kucetyiswa ukuba kufuneka anxibe impahla yokhuseleko xa esenza lo msebenzi.
Bonke abasebenzi kufuneka bazibeke endaweni ukuze baqiniseke ngomnatha kunye neentsontela ezenziwe ngeengcingo ezihambisana nawo kunye neentambo ngexesha lokumiselwa kwawo ngokukhawulezileyo.
Ngexesha lomsebenzi wokuphesa abasebenzi kufuneka bakuphephe ukuma endaweni apho baya kwenzakaliswa yintsontela eyenziwe ngeengcingo eqhambuke kwishivi okanye kwiliza elikhulu nangasiphi isizathu.
Ngexesha lomsebenzi wokuloba kuyimfuneka ngamanye amaxesha ukuguqula incam yokutsala iingcingo zesipaji zibe semva ngokukhulula iintambo zengcingo kwisiqu senjini esithatha msinyane kwisilenge esiphezu kweqanawa esehlisa iphenyane. Inkathalo egqibeleleyo kufuneka ithathiwe ukuqinisekisa ukuba akukho kutsaleka kungamandla kwitambo yengcingo ngexesha ikhululwa kwaye bonke abasebenzi beme qelele.
Xa umnatha ufunyenwe kwakhona amandla asebenza kumalugngu awohlukeneyo angaba makhulu kakhulu ingakumbi ubungakanani bentlanzi ebanjiweyo. Ukukhukhumala kunganyusa inqanawa phambi kokunyusa ibhegi yomnatha ingakumbi ukuba isondela kwicala lasekunene lenqanawa isuka ezibukweni. Oku kuya kubangela ukwanda kumandla asebenza kumphambili ukwehlisa incam yomnatha nesitsali mnatha.
Ukongeza, la mandla angabangela ukuba inqanawa yenza ukuqethuka. Abaphathi bayakhunjuzwa ukuba ubuchule bokubuyisela inqanawa ukuba ime nkqo kuncipha ngokukhawuleza kwaye ingozi yokuphethuka iyandangokunjalo njengoko isiqukumbelo somgangatho utshona. Ukuba oku kunokwenzeka umnatha kufuneka ukhululwe iziphu ngokukhawuleza okanye umntu oqeshisa ngomnatha nesixhobo sephesi sokutsala kufuneka zibuyiswe umva ngesantya esipheleleyo. Xa inqanawa isenza ukuqethuka kufuneka umphathi ngalo lonke ixesha abe nengqiqo yokuba kufuphi komgangatho wamanzi kungqameko lomgangatho. Kwimeko apho ezi zenzo zingaphambili ziseleleyo ukunciphisa i-engile youkuqethuka umnatha kufuneka usikwe. Into yokusika izikhonkwane ezinamaqoqo kufuneka zigcinwe kufutshane kwisixhobo sokutsala nokunyusa. Xa kusikwa umnatha abasebenzi kufuneka baqonde ngokulindeleka kwewiphuleshi.
Iminatha ezizipaji mikhulu kakhulu kwaye inkathalo egqithileyo kufuneka ithathwe ngabasebenzi abayifumbayo ukunciphisa ingozi yokutyibilika nokuwa emanzini phezu komnatha wokukhusela.
Inkathalo egqithileyo kufuneka kwakho ithathwe ngabasebenzi ababandakanyeka ekungakhuphini izibambi zesipaji bangabambeki kumnatha odlula kwisitsali somnatha.
Intlanzi ethwalwa kumgangatho ingenza ingozi xa inokutshintshwa kwaye kufuneka ithwalwe kuphela ngamachobi akhiweyo awomeleleyo. Iiglasi sesikhuselo esijikeleze isikhephe ngaphezulu kufuneka ngalo lonke ixesha zibe kwimeko elungileyo kwaye zifikeleleke ukuqinisekisa ukuphungula umthwalo womgangatho ngokukhawuleza ukuba oku kungayimfuneko.
Abaphathi bayakhunjuzwa ukuba impembelelo yozinzo kwindawo engenalwelo ingacingelwa. Ngoko kukho ingozi yokuphethuka xa inqanawa ithula ekunokuba kokugqithisileyo xa imiphakathi yenqanawa okanye iitaki zimalunga nekota ukugcwala.
Apho inqanawa ivunyelweyo ukubamba iintlobo ezahlukeneyo zentlanzi kufuneka ixhotyiswe ngeminatha efanelekileyo yezo ntlobo. oku kukuphepha ukuvaleka komngxuma womnatha ngamaxolo entlanzi ekutsaleni umnatha ecaleni ukukhupha okubanjiweyo.
Ukuthwala intlanzi kufuneka kuqalise kwangoko ukuphepha iintshukumo ezigqithileyo zokuqethuka ngenxa yokubumbana kwentlanzi njengoko oku kungakhokelela kukwanda kwamanzi angane kumphakathi wenqanawa kunye nentlanzi. Ukubamba intlanzi nokukhupha amanzi ngokupheleleyo kufuneka kujongwe ngawo onke amaxesha ukuphepha ukuncipha kozinzo olwakhayo ngempembelelo yomphezulu ongenanto.
UKULOBA NGEMITHA
Imithwalo egqithisileyo ingabekwa kwigiyeri esebenzayo ngexesha lokusebenza ngokuloba ngemitha ngegiyeri kwinqanawa. Ezona ngozi zingundoqo yintsilelo yegiyeri ephantsi komthwalo nokunciphisa uzinzo lwenqanawa.
Zonke iintlanzi kufuneka zibekwe kusetyenziswe amachibi asenqanaweni okanye izahlulo ukunciphisa iimpembelelo zokuqethuka ezingalunganga ezibangelwa kukutshintsha umthwalo wezithuthi xa zisebenza elwandle kwaye nawuphi umthwalo okumgangatho kufuneka ngalo lonke ixesha usasazwe ngokukhawuleza kwaye ugcinwe phantsi komgangatho kwangethuba.
Iindlela zokulawula iintshukumo zenqanawa enqumlezayo yomthwalo womnatha okanye inqanawa enesigutyulo kufuneka zibonelelwe njengoko 'ijingajinga' phezu kodonga lokhuselo ekubeni ijinga kwisilenge esinyusiweyo. Ukujingajinga okugqithisileyo okanye okungalawulwayo komnatha okanye isilenge kungaqalisa ukuqethuka okungaba yingozi. Ulawulo lungaphunyelelwa ngokubeka ngokufanelekileyo iintambo ezixhasa imasti ngaphambili nangasemva ezifana 'neentsontela zebhegi' kicala eliqhelekilyo lenqanawa yokuloba.
Iimpembelelo zokuqethuka ezibekwa kwinqanawa xa kusenziwa iinzame zokukhulula umnatha omkhulu oqinisiweyo kufuneka zimelwe luzinzo ngokunqamlezayo lwenqanawa. Iimpembelelo ezingalunganga kula mandla okuqethuka kufuneka ancitshiswe ukuba AWASETYENZISWA ngokutsala isiqu senjini xa ibekwe kumphandle wenqanawa kwisiphelo sentsika egquma iseyile ivulekile.
Xa kulotywa, kuthathwa umthwalo wegiyeri kwibreki zomgqomo wesixhobo sokutsala nokunyusa kuphela, iiklatshi ziyakhululeka. Xa umnatha uphingele kwisithintelo kwintsele yolwandle makukhululwe iibreki zomgqomo wesixhobo sokutsala nokunyusa ngokukhawuleza. Iindlela zokukhulula isiqu senjini kumphandle wenqanawa ekupheleni kwentsika eyivumela ukuba iwele emanzini kufuneka ibonelelwe okanye imethodi enokulingana ngokusebenza kufuneka yamkelwe ukuqinisekisa ukuba ukutsala kukurhuqa intambo kuyasetyenziswa kufutshane necala lenqanawa kwaye ngokuphantsi kangangoko xa inzame isenziwa kukutsala intambo nokuqiniswa okucacileyo komnatha.
Iimpembelelo ezingalunganga ezifana nezo zihambiselana nomtha womnatha ophingele kwisithintelo ntsele yolwandle zingavela xa umnatha ngokwawo 'unyukile'.
Kwiziphelo zomphandle wenqanawa yeentsika eziphumela ecaleni kufuneka zigcinwe ziphantsi kangangoko ukunqanda ukufukula.
Xa imitha iloba okanye icango lomnatha omkhulu liloba ziyarhuqwa kwisiphelo semiphandle yenqanawa yeentsika eziphumela ecaleni kufuneka irabha isetyenzwe ngesandla lonke ixesha.
Umphathi akufunekanga azame ukubuyisela umnatha othintelayo ngewaphu ehamba phezu kwesiqu senjini kwisiphelo somphandle wenqanawa yeentsika ezisecaleni. Kunokuba nengozi yokuphethuka kwenqanawa ukuba oku kuyenziwa. Oku kusebenza nasekunyuseni ubunzima okanye ubunzima obungaziwayo ngale ndlela.
UKULOBA NGOMTYA OMDE WOKULOBA
Xa iihaki zezithiyelo okanye isakhelo okanye ukubamba imitya yokuloba abalobi kufuneka ngawo onke amaxesha bathathe inkathalo ethile engazukwenzakalisa izandla zabo kwaye iihaki zingenamatheli ezimpahleni zabo. Abasebenzi akufunekanga banxibe izikhafu ezingabambiyo okanye iimpahla ezinemikhono engabambiyo xa besebenza. Xa kuphoswa abalobi ababandakanyekayo neegiyeri kufuneka beneemela ezomeleleyo ezibukhali kunye/okanye amazembe ngexesha lokusebenza ukusika iihaki ezithintelayo okanye imitya yokuloba.
Abalobi ababambe imitya yokuloba ( eneehaki zokuthiyela) kufuneka banxibe amehlo okukhusela ukukhusela amehlo kwiihaki kunye/okanye kwisanti.
Abalobi abasebenza ngesitsali kufuneka banxibe amehlo okukhusela njengesikhuselo kwiihaki ezibhabhayo nakukuxhakamfula kweminatha.
Imitya yokuloba kufuneka ithandelwe ngocoselelo kwaye iihaki zicwangciswe ukuze imitya ihambe ngokukhululekileyo ngaphandle kwezithintelo xa ziphindezelwa.
Iibhaskiti, imiphongolo okanye iibhobhini zemitya yokuloba kufuneka iqiniswe ngokwaneleyo ukuze ingawi kwimozulu embi.
Abalobi abangabandakanyeki ngqo kwisakhelo okanye ekutsaleni imitya yokuloba kufuneka babe kude kwindawo ekufuphi nokushukuma kwemitya yokuloba.
Xa iintlanzi ezilumayo okanye ezinganobungozi ezitsalelwe enqanaweni kufuneka zibulawe phambi kokuba zibanjwe kwaye iihaki akufanelekanga ukuba zisuswe kude kube kukhuselekile ukwenza oko.
Abalobi abatsala kumtya wokutsala kufuneka balumkele izandla zabo zingabambeki kwakumtya omkhulu wokuloba okanye kwiminatha. Abalobi abangabandakanyekiyo ngqo kumsebenzi wokutsala kufuneka beme qelele kwisitsali ngawo onke amaxesha. Abalobi abasebenza ngesitsali kufuneka bakwazi ukusilawula ngokukhawuleza nangokulula.
Ukuba kwenzeka ukutsaleka okungaqhelekanga xa umtya wokuloba sele ulungiselelwe ukuloba , oku akunakulungiswa ngokunyenyisa isantya senqanawa, imithandelo eliqela yomtya wokuloba kufuneka iphoswe emanzini ngokukhawuleza okanye umtya kufuneka usikwe.
Abasebenzi abasebenza kwindawo ekufuphi nemisebenzi yokuphosa bakwimeko yengozi yokutsalelwa emanzini ngumtya omde wokuloba ('ophoswayo'). Kule ndawo kufuneka kufuneka uqeqesho lokusetyenziswa lunyanzeliswe kwaye abasebenzi abenza umsebenzi kufuneka baqeqeshwe ngokwaneleyo. Kufuneka kukho inkqubo yokuhlangula efanelekileyo kwimeko apho abasebenzi batsaleke emanzini. Aba basebenzi kufuneka banxibe izixhobo zokudada kwaye ezi zixhobo kufuneka ibe zivesti ezinamathela emzimbeni kwaye ibe luhlobo oluneziphu. Akufuneki mabhanti angabambiyo axhonywe kwindlela ' yokuphosa'.
Iziqu zeenjini namakhamandela ezisetyenziswa manqapha nqapha ingakumbi ukufumana kwakho imitya yokuloba ephinyeneyo kufuneka ikhangelwe ukuguga nokudleka phambi komsebenzi ngamnye.
UKULOBA NGENTONGA YOKULOBA IINTLANZI EZINKULU
Abalobi kufuneka babekwe kakuhle ukusuka komnye ukuya komnye kwiplatfomu yokuloba.
Abalobi akufunekanga bazijingajingise iintonga zabo zokuloba intlanzi enkulu ngokungenankathalo kodwa kufuneka baqwalasele indawo yabanye abantu kwaye baphephe ukuzonzakalisa ngeehaki ezibhabhayo. Kucetyiswa ukuba banxibe amehlo okhuseleko ukuphepha iingozi zamehlo ezibangelwa zihaki ezibhabhayo.
Ukuba umlobi uzifumanisa ukuba ukwingozi yokutsalelwa kwiplatfomu yokuloba yintlanzi enkulu kufuneka akhulule intonga yokuloba intlanzi. Kucetyiswa ukuba umlobi ngamnye kufuneka anikwe iimpahla zokhuseleko okanye intsontela ekufuneka ibambelele kwisikhuselo sesikhuselo esijikeleze isikhephe ngaphezulu xa esendaweni.
Xa intlanzi isehla kwaye ihaki azikhululeki, umlobi kufuneka angajikelezi ezama ukutsala intlanzi ngamandla kodwa kufuneka alinde abasebenzi abasemgangatho bayisusile.
Abathiyeli ( Abaphosi bezithiyelo) kufuneka bazimise kumgangatho ofanelekileyo abalobi abangakwipali ende.
Xa kuvulelwa ukuhamba kwamanzi olwandle iitanki zokuthiyela ziyasetyenziswa, akukho mlobi kufuneka ahambe kwintanki nangayiphi injongo, umzekelo:ukuvala imingxuma yokuhamba kwamanzi olwandle, ngaphandle kokuba umncedisi ukhona kwaye ujongile.
Apho kukho iplatfomu yokuloba ende emxinwa abalobi akufuneki bayisebenzise njengengomgangatho wokungena enqanaweni.
Xa umlobi eyeka ukuloba kufuneka abauyele kwangoko kumgangatho wenqanawa.
Amanyathelo ezilumkiso kufuneka athathwe ukuqinisekisa ukuba indawo apho intlanzi yehla khona ihlanjwa njalo ngamanzi olwandle ukunqanda umgangatho ekubeni utyibilikise.
Ekuqangululeni, ekuhlambeni nasekubekeni intlanzi abalobi kufuneka baziqhelise ukubamba ngokufanelekileyo iintlobo zeentlanzi ukuphepha iingozi zezandla ezibangelwa ngamazinyo okanye imiqolo ebukhali yeentlobo ezithile.
Imicuntsu nokusikeka okwenziwe ngumqolo wentlanzi kufuneka kukhutshwe igazi kwaye alolongwe ngaphandle kokulibazisa kuba ezinye iingozi zingakhokelela kumanxeba anetyhefu kwaye abe buhlungu abe yinkathazo.
Abalobi akufanelekanga ukuba baphakamise iibhasikiti okanye iinkonkxa ezineentlanzi xa bephethe iimela okanye ezinye izixhobo ezibukhali.
Xa kuphathwa iibloko zeentlanzi ezikhenceziweyo abalobi kufuneka banxibe iiglavu zokhuseleko.
Abalobi akufunekanga basuse umkhence kumgangatho osezantsi kuba inxalenye ephezulu ingasuka kwaye ithi folokohlo phezu kwabo.
Njengokuba umkhence kwiindawo ekufakwe kuyo iintlanzi unganemingxuma ngaphakathi ngenxa yokunyibilika komkhence oseleyo, abalobi kufuneka bathathe izilumkiso zokungawi kumqulu womkhence okanye ukuthi folokohlo phezu kwayo.
Kwiimeko apho iintlanzi ipakishwa kwiinkokxa, iinkonkxa kufunekazonyusiwe zize zibekwe ngokuqamlezayo kwinqanawa ngendlela aye kunqanda ingozi yokuwa phantsi kwazo naziphi iimeko zolwandle.
Xa intlanzi ifakwa kwindawo yokufaka iintlanzi ingcamango iya kunikwa ukugcina ukufikelela okungenasithintelo kwiqula lemiphantsi yenqanawa kucacile.
Xa intlanzi ibekwa endaweni abalobi kufuneka babe nononophelo lokugcina ukufikeleleka okulula nokuphuma kwindawo ekufakwe kuyo iintlanzi.
Impahla yokhuseleko eyaneleyo kufuneka inxitywe xa kusetyenzwa kwindawo yokufaka intlanzi.
Abasebenzi akufunekanga banyathele kwisihambisi esishukumayo.
Inkathalo kufuneka ithathwe xa kususwa ulwala kumachibi okugcina. Inqanawa kufuneka ihambe kancinane xa zikhuselwa. Xa iintini zifunyenwe kwichibi lokugcina kufuneka kukhunjulwe ukuba ziya koyika kwaye zingahlasela xa zixhalabile.
ISAHLUKO 5
UKHUSELEKO KWIZITHUBA ZEMATSHINI KUNYE NEZIXHOBO ZOMATSHINI
OWONA MSINGA OQHUBELA PHAMBILI KUNYE NOMATSHINI BOKUNCEDISA
Ngexesha lokusebenza lo mzuzu inqanawa iselunxwe- meni kufuneka uvavanyo oluqhelekileyo lwenziwe kwaye kulungiswa nomatshini.
Injineli zenqanawa kufuneka zibe kanti ziyabazi bonke oomatshini abamelene nabo kwaye kufuneka baqwalesele ngokungqongqo nawuphina umqathango kunye nezicwangciso zokusebenza ngokufanelekileyo, ukulungisa, ukukhanda kunye nokuvavanya abomatshini.
Imiyalelo yalapho wenziwe khona ngokumayela nokusebenza ngokufaneleyo kunye nokulungisa kowona kunye nomatshini wokuncedisa iquka nemiyalelo yezibaso kunye ne-oyile yokuthambisa ekufuneka isetyenzisiwe kumelwe ukuba ibe ikhwelisiwe kwaye ilungele ukusetyenziswa naleliphi na ilungu leenjineli.
Ubiyelo okanye ugado kwindawo eziyingozi kufuneka ukuba lungasuswa xa abamatshini besebenza. Ubiyelo okanye ugado lungasuswa xa kulungiswa kwaye oomatshini abasebenzi bamile kwakugqitywa zibuyiselwe ngokukhawuleza okanye ngaphambi kokuba umatshini usetyenziswe.
Umphathi kufuneka angavumeli nokuba ngubani na ngaphandle komntu okwaziyo ukuthambisa, ukulungisa, ukucoca okanye ukulungisa umatshini ngelixesha usutyenziswayo. Xa umsebenzi onjalo kufuneka wenziwe kumele ukuba wenziwe ngumntu okwaziyo ukuwenza kwaye kufuneka athabathe onke amanyathelo okhuseleko ukwenzela ukuba anqande ingozi enokuthi yenzeke.
Mabangadunyiswa oomatshini de abe umntu lowo oza kudumisa umatshini uzanelisile ukuba akukho mntu osengozi osebenza okanye okulangingqi enomatshini. Kufuneka kuthatyathwe inkathalo eyodwa malunga nomatshini abasetyenziswa ngesixhobo sokulawula ukude.
Umntu osebenza kufutshane nomatshini osebenzayo kufuneka enxibe impahla esondeleyo kuye emzimbeni kungabikho ejingayo enjengamajikazi, iwotshi, izikhaxa zezitshixo okanye iinwele ezinde nezijingayo okanye nayo nayiphina into enokuthi ibanjwe zindawo ezijikelezayo zalo matshini.
Xa umatshini ethe wamiswa emiselwa ukulungiswa kufuneka kuthatyathwe amanyathelo okuqinisekisa ukuba umatshini awuzokusuka ujikeleze ungalindelekanga. Loo manyathelo aquka:
i Izihlanganisi kufuneka zisusiwe kwindlela yombane;
ii Umphunga, amanzi okanye izivalo zomoya kufuneka zibe kwindawo evalekileyo nekhuselekileyo;
iv Oomatshini abaqhubela phambili kunye negiyari yokuqhuba kufuneka zinqandwe zingashukumi xa zilungiswa.
Xa injini ijijwa ngesandla ngokusebenzisa umphambo wevili, umphambo kufuneka ubanjwe ngobhontsi wesisandla sibambileyo ukwenzela ukuba ukhusele ivili lingajiki libuyele umva.
Izikhuseli zomlilo eziyintsimbi ezifakwe kwimibhobho yokuphumelisa kufuneka igcinwe icocekile.
Omatshini abangasebenzanga, amacutswana ezixhobo ezinzima okanye nayiphina into enjalo kufuneka ingashiywa esithubeni ngoba hleze yonzakalisa ilungu elisebenza enqanaweni kufuneka zibekwe kude kwindawo ekhuselekileyo ukunqanda intshukumo eyingozi kulwandle oluza ngamandla.
Imigangatho yegumbi lenjini, ileli eziya nezivela kwigumbi lenjini, indawo zokubambela, amagqudu okulawula kunye nayo yonke eminye imigangatho apho abasebenzi benqanawa balindelekileyo ukuba bangene khona kwaye bahambe khona kufuneka ukuba igcinwe ingena-oli ngamaxesha onke.
Emva kokusebenza ngaphantsi komgangatho wegumbi lenjini kufuneka uwubuyisele kakuhle umgangatho lowo.
Ngaphambi kokuba ulinge ukusebenza kwisivalo okanye nasiphina isixhobo esisebenza ngaphantsi koxinezelelo qinisekisa ukuba olo xinezelelo luthonyalalisiwe okanye lukhutshiwe. Kwimeko ezithandabuzisayo, amaqhosha akhuselayo kufuneka akhululwe kancinci kwaye nokudibana kwawo kwaphulwe ngaphambi kokuqhubekeka.
I-alamu zangaphantsi kwenqanawa kunye nezivalo ezingabuyiswayo kufuneka zivavanywe rhoqo ukuqinisekisa ukuba ziyasebenza ngokupheleleyo.
ABABILISI
Abasebenzi begumbi lokubilisa kufuneka baqwalasele lemiqathango yokhuseleko ilandelayo:
i Izibilisi kufuneka zicociwe ngaphambi kokuba zilayitwe ukunqanda ukuba zingadubuli;
iii Indlela elungileyo yokulayita, ukubasa kunye nokuvala Izibilisi kufuneka yazeke kwaye ilandelwe;
iv Xa isitshisi silayitiwe, kufuneka kusetyenziswe itotshi kwaye abasebenzi kufuneka bamele bucala;
v Ababilisi, izishushubezi zesibilisi kunye nemibhobho yesibilisi kufuneka ikhangeliwe ngaphambi kokuba kwenziwe nawuphina umsebenzi kuzo ukuqinisekisa ukhuseleko lwabasebenzi abenza lo msebenzi;
vi Ngaphambi kokuba izikroba zokungena zigqunywe okanye kuvulwe ipali ezinemingxunya yokufaka iiplagi zabanye abafaki bezibilisi kufanele ukuba isithuba sophulwe kwaye noxinzelelo lukhutshiwe ngokuthi kuvulwe iidreyini;
vii Zonke iwotshi ezikwindawo zokulinganisa amanzi zomsebenzi wesibilisi kufuneka zivuthelwe rhoqo ukuqinisekisa ukuba imilanganiselo yamanzi ebonakala eglasini iyinyaniso;
viii Ukunqanda ukunzokala emehlweni okunokuthi kwenzeke nokubakho komphunga ngenxa yokudubula kweglasi kufuneka izikhuseli kunye nezivali ezigquma iglasi kufuneka zisoloko zisendaweni xa isibilisi siphantsi koxinzelelo.
ISIXHOBO SOKUTSALA NOKUNYUSA
Isixhobo sokutsala okanye esokunyusa kufuneka sisetyenziswe ngumntu okwaziyo ukusisebenzisa.
Zonke intambo ezisebenzayo nezixhobo ezayanyaniswayo kufuneka zihlolwe kwaye zivavanywe ngumntu okwaziyo ukuhlola nokuvavanya, umrhwebi onegunya ubuncinane kanye kwinyanga ezilushumi elinambini. Umhloli onegunya kufuneka akhuphe isatifiketi kunye nengxelo yovavanyo kumphathi.
Zonke intambo ezisetyenziswayo nezixhobo ezayanyaniswa nook kufuneka zigcinwe zimeko entle nesebenzayo.
Abalobi kufuneka bayaziswe ingozi kwaye baqandwe ekulingeni ukuphamisa imithwalo emikhulu ngokuthi bayijije kakhulu intambo okanye ucingo kwigogogo eligoso.
Intambo okanye intsontela ezibophelela inqanawa kufuneka zisiwe kwisixhobo sokutsala kwicala elingena kutyibilika kakhulu. Kodwa kufuneka zingasiwa ngesandla.
Xa imichako ejijekileyo ekwisixhobo sokutsala itshintshiwe kufuneka zinobude nomlinganiselo obulungileyo ukwenzela ukuba igogogo lesixhobo sokutsala likwazi ukubuthwala bonke ubude. Xa intsontela ithe yakhululeka yonke imijijo emithathu kufuneka ishiyeke ibhijelwe egogogweni.
Ibriki zesixhobo sokutsala kufuneka zigcinwe zikwimeko elungileyo kwaye zisebenze ngaphandle kokubamba, zingangxoli okanye zityibilike.
Imiqathango yokulawula sixhobo sokutsala kufuneka ibekwe endaweni ebonakalayo okanye ecaleni kwaso.
Intsontela esetyenziselwa ukunyusa kunye nemijijo kufuneka ingcinwe ikwimeko elungileyo nefanele ukusebenza. Kufuneka zingabinamaqhina, indawo ezigobileyo okanye eziqhawukileyo. Apho intambo iphela khona kufuneka isikiwe okanye iqhushekwe ukukhusela intambo ekuthini ikhululeke yonke.
Iziqobo nemiqulu kufuneka igcinwe ithanjiswe kakuhle kwaye yonke imixokelelwano esetyenziswe ngaphezulu kufuneka ibe zezitshixwayo okanye zifakwe kangengento yokuba ayinakukhululeka.
Imithwalo kufuneka ikhweliswe kakuhle ezintanjeni kwaye imixhuzulo engalindelekanga kufuneka inqandiwe.
Phambi kokuba wonyuswe okanye ikhweliswe imithwalo ezintanjeni ngentloko zentsontela ejijekileyo intambo kufuneka intambo ibanjwe iqine ezandleni ngaphambi kokuba ibekwe kwintloko zomjijo. Uqwalaselo olulodwa kufuneka lunikwe kwimijijo ukuqinisekisa ukuba intloko zawo aziphambani.
Abaqhubi besixhobo sokunyusa kufuneka bangazishiyi zodwa ziduma okanye zinomthwalo omisiweyo.
Abaqhubi besixhobo sokunyusa kufuneka aqinisekise ukuba wonke umntu umele kude nendawo enengozi ngaphambi kokuba kukhweliswe umthwalo.
Imithwalo enyusiweyo okanye eyehliswayo kufuneka ingagqithiswa phezu komntu okanye ishiywe ijinga phezu komntu.
Intsontela eziphelileyo kufuneka zibuyiselwe ngokukhawuleza.
IZIKHENKCEZISI KUNYE NENDLELA ZOMOYA OXINEZELWEYO
Ufakelo lwezikhenkcezisi kunye nezilungisi-moya kufuneka zilungiswe kakuhle kwaye zihlolwe rhoqo ngumntu okwaziyo ukuzihlola nokuzilungisa.
Xa isixhobo somoya oxinzelweyo sisebenza unyibiliko kufuneka lukhutshwe kwindawo ezikhupha umoya kunye naphakathi kwezibandisi. Izikhuphi ezikwindawo ekhongoza umoya oxinzelweyo kufuneka zisetyenzwe phantse ngawo onke amaxesha kwaye nezihluzi zomoya kufuneka zicociwe rhoqo.
Izivalo zokukhusela kuyo yonke imikrozo enoxinzelelo kufuneka ilungiswe kakuhle, ihlolwe, ivavanywe kwaye ukuba kufanelekile kufuneka ilungelelaniswe ngumntu okwaziyo ukukwenza oko rhoqo ngamathuba athile.
ISILINDA YERHASI KUNYE NOKUFAKELWA
Isilinda ephethe irhasi exinzelweyo okanye enyibilikisiweyo kufuneka ibhalwe ngokucacileyo.
Kungayingozi kakhulu ukubeka isilinda ephethe irhasi enokuvutha okanye eyingozi kwikompatimenti ngaphandle kwendawo ezenzelwe oko kwaye ezitshixwayo.
Iisilinda kufuneka zibekwe endaweni ekhuselekileyo ngokuthi zibotshelelwe kwindawo ephakamileyo okanye emthebelele. Izikhuseli kufuneka zingabotshelelwa kwiziciko zezivalo okanye nakuyiphi na into efakelweyo.
Izivalo zesilinda kufuneka zivalisiswe xa ingasetyenziswa okanye ithe yanomonakalo othile.
I-oli okanye isithambisi mazingasetyenziswa kwisilinda ezinomongo-moya okanye kwindawo ezifakiweyo.
Naphantsi kwazo naziphina imeko umongo-moya oxinzelweyo kufuneka ungasetyenziswa endaweni yomoya oxinzelweyo ekudumiseni injini okanye oomatshini.
Iisilinda mazingasuswa iziciko zokuvala zingabekwa kakuhle endaweni yazo.
Makuthatyathwe inkathalo xa kuhanjiswa iisilinda ukunqanda ukuba zingawi.
UKUFAKELWA KOMBANE
Ngumntu okwaziyo noqeqeshiweyo kuphela omake fakele okanye akhuphe okanye alungise izixhobo zombane.
Indawo zombane kufuneka zithatyathwe njengezisebenzayo de kube kuqinisekiswe ngaphandle kwamathandabuzo ukuba azisebenzi.
Zonke izixhobo zombane eziphathekayo (zonke izixhobo ezifakwa kwintambo etsalekayo nesuka kwindawo yeplagi engama-48 ukuya kuma-500V) kufuneka zikhangelwe ubuncinane kanye ngenyanga zikhangelwa ngumntu okwaziyo noqeqeshelwe ukwenza oko enika ingqwalesela eyodwa Kwimeko kwintambo zamandla kunye nokuhlangana kwazo ukuqinisekisa ukuba isixhobo sikulungele ukusetyenziswa.
Izixhobo eziphathekayo zombane eziphumela ngaphandle nezinokuthi zifunyanwe zimeko zemozulu kufuneka zikhuselwe ekufumeni nasekuruseni kunye nokumoshokala komatshini.
Izibane zombane eziphathekayo kufuneka zisetyenziswe xa izibane ezenzelwe ukukhanyisa zingasebenziyo. Kufuneka zikhangeliwe ngaphambi kokuba zisetyenziswe kakhulu kujongwa intambo ezonakeleyo kunye noqhagamshelwano olunokuba lonakele. Kufuneka kusetyenziswe izibane ezenzelwe ukuphathwa nezikwimeko efanele ukusetyenziswa. Xa umsebenzi uza kwenziwa kwimeko ezinokubangela udubulo kufuneka kusetyenziswe izibane eziqinisekiswe ukuba zikulungele ukusebenza phantsi kwemeko ezinjalo.
Zonke izixhobo zombane kufuneka zibotshwe okanye zikhuselwe kakuhle. Umonakalo wombane kufuneka ungavunyelwa ukuba wenzeke rhoqo kufuneka ulungisiwe ngokukhawuleza.
Ibhokisi egcina isipoponi somlilo wombane okanye indawo ezinezipoponi zombane kufuneka zikhangelwe rhoqo ukuqinisekisa ukuba kusetyenziswa izipoponi ezinomlinganiselo ofanelekileyo. Izipoponi zombane kufuneka zingahlanganiswa kwaye kufuneka kusetyenziswa izipoponi ezinomlinganiselo wombane ofanele londlela yombane. Ngexesha lokusebenza kwinjini nakwindawo zombane kufuneka izipoponi zombane zishiywe zivulekile kwaye zibhalwe isaziso esithi: 'INGOZI. Kuyasetyenzwa kulendawo. Nceda ungaphathi!'
Abantu abasebenzi ngombane kufuneka bame phezu kwento okanye ibhodi ekhaba okanye engatsali umbane.
Ukuqhushumba okugqithisileyo kwisixhobo sokujika umbane, ubushushu obugqithisileyo kwinjini, komatshini bokwenza umbane, iqosha lokucima nokulayita umbane, intambo, izipoponi zombane njl.njl kufuneka zilungiswe ngoko nangoko.
Onke amanyathelo anokusebenza nanengqiqo kufuneka ethatyathiwe ukunqanda umphunga, amanzi okanye ukungcola okunokuthi kudibane nebhokisi enezixhobo ezininzi zokuvula nokucima umbane, komatshini bokwenza umbane, kwinjini kunye nakwezinye izixhobo zombane.
Kufuneka kusetyenziswe isidibanisi esivunyiwe ukudibanisa umbane wezixhobo eziphathekayo.
Ukutshaya akuvumelekanga, nemilio evuthayo kunye nokudaleka kwemililwana edubulayo kufuneka inqandwe kufutshane nendawo egcina ibhetri zombane.
IZIXHOBO ZESANDLA
Izixhobo zesandla kufuneka zibe zenziwe ngezinto ezikuhlobo oluphezulu kwaye nokwenziwa kwazo kube kulungile zigcinwe zikwimeko ekhuselekileyo yokusebenza.
Izixhobo zesandla kufuneka zihlolwe rhoqo ngumntu okwaziyo noqeqeshelwe ukwenza oko kwaye izixhobo ezonakeleyo kufuneka zibuyiswe ngoko nangoko okanye zilungiswe. Ukusetyenziswa kwezixhobo ezimoshakeleyo akuvumelekanga (umz. Isitshwezi esinentloko engathi likhowa okanye ihamile enendawo ezichachambileyo).
Abalobi kufuneka bagcine zonke izixhobo zicocekile, basebenzise isixhobo esifanele lomsebenzi kwaye bagcine izixhobo zokusika zibukhali kwaye zigcinwe kwindawo ekhuselekileyo xa singasetyenziswa.
Iziphatho zemela kufuneka zenziwe ukulungiselela ukuba isandla singatyibilikeli ekutyeni kwemela okanye kule ndawo esikayo yemela.
Imela ezinecala lokusika elivulekileyo, amahaki entlanzi, uqalo olunogwegwe lokukhupha iintlanzi ezilotyiweyo emanzini kunye nazo naziphina ezinye izinto ezibukhali kufuneka zifihliwe okanye zibekwe endaweni ekhuselekileyo xa zingasetyenziswa.
Izixhobo zokusebenza akufuneki zishiywe zilele nje esithubeni, ezinjengentonga zentsimbi njl.njl., kwigumbi lenjini okanye naphina ngaphezulu. Kufuneka zibekwe ezibhokisini, kumabhakethi, ezingxoweni okanye izinto zokuphatha ezifana nezi ukuzinqanda ekuweni nasekonzakaliseni abantu abagqithayo okanye abame ngaphantsi kwazo.
Thoba izixhobo ngokusebenzisa isithobi.
Xa isikhonkwana sisetyenziselwe ukunyusa nayiphina into kufuneka sijijelwe satshona ukuya kufika entanyeni. Isikhonkwane eside kakhulu kufuneka singasetyenziswa.
Izixozi ezibandayo kunye nezinto zokugqobhoza xa ziphethwe kufuneka zibanjwe phakathi kobhontsi kunye nomnwe wokwalatha emphakathini wesandla zijekelwe ngasesiphathweni.
Sisipanele okanye isijiji esifanele lomsebenzi emasisetyenziswe. Kufuneka eso sipanele okanye isijiji kufuneka sibekwimeko elungileyo yokusebenza singabinazindawo ezikrazukileyo kwimihlathi yaso nekufanele ukuba ilingane ncam nesikhonkwane.
Akufuneki kusetyenziswe isijijo komatshini oshukumayo. Izixhobo kufuneka zisusiwe ngaphambi kokuba ube umatshini uyadunyiswa kwakhona kwakugqitywa ukusetyenzwa.
Izixhobo zesandla kufuneka zisetyenziselwe oko bezimelwe ukusetyenziselwa kona.
Ukukhandwa kwamaqweqwe aqinileyo ezixhobo, oomatshini kufuneka kungavunyelwa ngaphandle kokuba kufanelekile kulo msebenzi wenziwayo ngela xesha. Apho kumelwe ukuba kukhandwe kufuneka umntu owenza lomsebenzi enxibe impahla zokuzikhusela ingakumbi izikhuseli zamehlo ezikhusela kwizinto ezinokuthi zitake xa ekhanda intsimbi.
ITOTSHI, IMILILO-TSOLO KUNYE NEMISEBENZI ESHUSHU
Imiyalelo yokhuseleko malunga nokusetyenziswa kwemililo-tsolo nasekulungiseni nasekusikeni itotshi kufanelwe ukuba ilandelwe ngenkathalo kunye nemisebenzi edibanisa ukusetyenziswa kwezixhobo ezinjalo kufuneka yenziwe phantsi kweliso elibukhali lomntu okwaziyo noqeqeshelwe oko.
Imibhobho yomongo-moya akufuneki naphantsi kwazo naziphina imeko ilungiswe okanye ihlanganiswe ngezihlanganisi ezenziwe ngobhedu okanye umxube wezinyithi ethi ibe namasuntswana obhedu.
Abalobi kufuneka bangakwenzi ukutywina ngelothe, ukudibanisa okanye umsebenzi ofana nalo oshushu kumatanki okanye ezinye izikhongozeli eziphethe izinto ezivuthayo okanye iasidi okanye izikhongozeli ezingasenanto kodwa beziphethe izivuthisi kunye neasidi.
Akufunekanga kwenziwe umsebenzi oshushu ngaphandle kokuba ezimeko zilandelayo ziqwalaselwe:
i) umntu oza kwenza umsebenzi onobushushu kufuneka ezanezisile ukuba akukho manzi anokubangela udubulo, imiphunga, irhasi okanye uthuli kwingingqi azakusebenza kuyo nezinokuthi zivuthe, kwaye izinto ezinokuthi zidubule kufuneka ukuba zisuswe okanye zikhuselwe ebushushwini okanye intlantsi (oku kuquka I-oli ezingaphantsi kwenqanawa ukuba zikufutshane nomsebenzi lowo onobushushu;
ii umntu owenza umsebenzi onobushushu kufuneka abekunye nomntu oqeqeshwe kakuhle ekulweni umlilo ngezixhobo zawo emi ngakwizicimi - mlilo, imibhobho yokucima umlilo okanye nayiphina into efanele ukucima umlilo iii umntu osebenza ngobushushu uye wachazelwa ngamanyathelo ekufuneka ewathabathile xa kuthe kwaqhambuka umlilo;
iv xa umsebenzi oshushu kufuneka wenziwe kwicandelo enqanaweni elingangeni manzi, kufuneka izinto ezinokuthi zidubule okanye zivuthe kwelinye icala leli candelo zisuswe okanye zikhuselwe ebushushwini kwaye umntu ofanele noxhotyiswe ngezixhobo zokulwa umlilo exelelwe ngendlela ezisetyenziswa ngayo ezo zixhobo kufuneka ke ngoko ethunyelwe kwelo candelo ukuya kugada naluphina uqhambuko mlilo olunokuthi lubekho;
v kwindawo apho kuthe kwenziwa lomsebenzi onobushushu kunye nendawo ezikufutshane apho nezichaphazelekayo kufunekwa zibekwe phantsi kweliso imizuzu enga-30 nje ukugqitywa kwalo msebenzi ukuqinisekisa ukuba akukho zinto ezinokuthi zibangele umlilo ezikhoyo kwaye akukho ngozi yomlilo onokuqhambuka;
vi ilungelo lokusebenza ngobushushu kufuneka lukhutshiwe kwaye likhutshwa ngumntu onelungelo nobekelwe ukukhupha lo malungelo;
vii izixhobo ezikhweliswe enqanaweni kufuneka zihloliwe nanjengoko Umthetho Wezempilo Nezomsebenzi kunye Nokhuseleko usitsho.
Kufuneka impahla zokuzikhusela zinxityiwe ngawo onke amaxesha usebenzisa izixhobo.
Imibhobho kufuneka ikhangelwe indawo ezigobileyo kwaye ingabi yingozi yokuwisa.
Umntu omele kwendlela zokusebenza komongo-moya kufuneka eqinisekile ukuba axinzelelo lwawo alukho ngaphezu kwe-asithalini ukunqanda ukuba iasithalini ingadibani okanye yehlela kumgca womongo-moya.
Xa kukhangelwa isixhobo ngaphambi kokuba kusetyenzwe, qiniseka ukuba izicimi mlilo zibekwe kwindawo ezinokufumaneka kuzo kunye nezivalo ezingajijekiyo zikwitotshi.
INKQUBO ZENDAWO ZANGAPHEZULU
Indlela ezikhuselekileyo kunye nendlela zokubaleka kufuneka zinikhutshiwe kwaye zigciniwe ukuya nokubuya endaweni zokusebenza.
Indlela zokubaleka kufuneka zibhalwe ngokucacileyo.
Abantu kufuneka banxibe impahla efanelekileyo nesondeleyo xa besebenza ngomatshini.
Inkathalo kufuneka yenziwe xa abasebenzi kufuneka besebenze kwindawo yamalahle neoli enqanaweni ekufunyanwa kuyo intlanzi. Impahla zokuzikhusela ekuhlatyweni ngamathambo omqolo entlanzi kufuneka zinxityiwe kwaye kufunekwa kubekwe iliso elingqongqo.
Ukukhanya okwaneleyo kunye nomoya kufuneka kukhona kwindawo yokusebenzela.
Izibane zengozi ezibekwe kwindawo ezifanelekileyo kufuneka zihloliwe rhoqo.
Umphezulu kufuneka uhlanjwe rhoqo ukunqanda ukuba kungabikho udaka nobuncangathi. Amanzi akufunekanga abe maninzi.
Xa kuthe kwafuneka, intonga zentsimbi ezinqamlezileyo zokukhusela ifestile kufuneka zinganikwa abasebenzi ekufuneka beme kwindawo zokusebenza.
Zonke intonga zentsimbi ezinqamlezileyo zokukhusela ifestile zangaphezulu kufuneka zigcinwe zikwimeko eyakukhusela ukutyibilika ngengozi.
Ukhuselo olungamandla kufuneka lwenziwe kakhulu xa indawo zokusebenza okanye ezikufutshane neebhokisi zombane zithe zakhukuliswa.
Apho kukwazekayo kufuneka zonke izixhobo ezibukhali kunye nomatshini abashukumayo kufuneka befakwe izikhuseli ukwenzela ukuba kungabikho zingozi zenzekayo kubasebenzi. Ukutya kwemela kufuneka kukhangelwe rhoqo ukukhangela iimpawu zokugoba kwaye kufakwe ezintsha xa kuyimfuneko.
Oomatshini bokwenza intlanzi kufuneka bafakwe iziqhoboshi bokuzicimela ngexesha lengozi kwindawo apho umsebenzi akuyo. Isithuthi ngasinye kufuneka sinolawulo lwaso olusoloko lufumaneka ngawo onke amaxesha kwindawo zokusebenzela kwaye ulawulo olo kufuneka lujongiwe ngelixesha kusetyenzwayo.
Izinto zokupakisha kunye nezikhongozelo ezisetyenziselwa ukugcina izinto zentlanzi ngokukhuselekileyo kwindawo ezenzelwe oko. Ezizikhongozeli kunye nezinto zokupakisha kufuneka zingaphazamisani nendlela yokhuseleko kunye nezokubaleka kwabasebenzi kwindawo zokusebenzela.
Izikhenkcezisi ezidubulayo kunye nezinto zokufaka intlanzi kufuneka zikhutshwe ngendlela zokubaleka okanye zibe nendlela yealamu.
Imingxunya yokuphuma amanzi ngaphezulu esikhepheni aqokeleleke emgangathweni wenqanawa kufuneka akwazi ukuvaleka umntu engekho kumngangatho wenqanawo. Xa kuthe kwakho impompo efakwe ngaphantsi kwenqanawa kufuneka kubekho enye indlela yokupompa eyenziweyo.
Umntu okhwelisa okanye okhupha intlanzi kwindawo zokugcina intlanzi kufuneka eme kude kwesinyusi. Akukho mntu ekufuneka esebenze kwindawo zokubamba intlanzi engekho phantsi kweliso okanye kogado.
Impahla ezifanelekileyo zokukhusela kufuneka zinxitywe ngabasebenzi abasebenzi kwindawo ezibandayo.
Iminyango engangeni manzi Watertight doors, umphakathi wenqanawa kunye nombilini wombhobho wokukhupha impahla kufuneka ivaliwe xa inqanawa ingenamntu oyigadileyo.
Ngabasebenzi abaqeqeshiweyo nabanamava okanye abaqeqeshiweyo ekufuneka bajongane nomatshini.
Ukutshaya kufuneka kungavunyelwa kwindawo ekumelwe ukuba kungatshaywa kuzo apho kukho izinto ezinokuthi zivuthe apho kubekwe izinto zokupakisha. Imipapasho echazela ukuba abantu bangatshayi kwezondawo kufuneka ibekwe ngokucacileyo nokubonakalayo.
Imithwalo kunye nomoya kwizityalo zokutya kwentlanzi nezibamba intlanzi kufuneka zibekumlinganiselo wengeniso enokuvutha.
Amanzi awoneleyo amatsha okusela kufuneka abekhona ngexesha lokusebenza ukwenzela unxano olunokubakho xa kusetyenzwa.
ISAHLUKO 6
IZILUMKISO ZOKHUSELEKO EZIBALULEKILEYO
UKHUSELEKO LWAMEHLO
Ukonzakala kwamehlo kusoloko kubangelwa ngamaqhekeza esinyithi, ipeyinti okanye ezinye izixhobo ezinobungozi kwaye ukwenzakalo soloko kunobungozi. Abalobi kufuneka ngalo lonke ixesha banxibe amehlo okukhusela xa besenza umsebenzi ofana nokuxoza/nokucebula irusi okanye ipeyinti, ukususa amaxolo, ukusebenzisa isixholo, ukulola izixhobo, ukubamba ikhemikhali, okanye ukusebenza ngeebatri ezigciniweyo zombane.
ISIXHOBO NEMPAHLA YOKUKHUSELA
Impahla yokusebenza kufuneka yanele umzimba kangangoko, akufunekanga kubekho imisonto ejingayo, okanye amaqhosha ezibhrukhweni. Iipokotho ukuba zikhpo kufuneka zibe mbalwa kwaye zibe ncinane kangangoko.
Abalobi kufuneka banxibe izihlangu ezifanele umsebenzi owenziwayo kwaye zibe kwimeko efanelekileyo. Ubunzima bezihlangu zolwandle ezinobungozi kwimeko yomntu owele emanzini kufuneka kuchazelwe bonke abasebenzi.
Impahla yokhuseleko esetyenziswa kumgangatho kufuneka ibe nemibala eqaqambileyo/ebonakala kakhulu.
Iifaskoti kufuneka zinxitywe kufutshane neenxalanye zikamatshini ojikelezayo okanye ezinyanyathwayo okanye kwiimoto zombane.
Amadoda asebenza ngaphezulu okanye ecaleni kufuneka enxibe amabhanti okhuseleko okanye impahla yonke yokubophelela. Izixhobo zokhuseleko kufuneka zihloliwe kwaye zikhangelwe phambi kokuba zisetyenziswe.
Xa kukhethwa iiglavu zokusebenza kufuneka kuthathelwe ingqalelo kubungozi okuza kusetyenzwa phantsi kwabo kwaye kufuneka iminwe, izandla kunye/okanye izihlahla zishukume ngokukhululekileyo.
Kufuneka kunxitywe kuphela izixhobo zokuphefumla eziziqulatheleyo, izigcina-ntloko zomsi, amagxulusha omsi okanye uhlobo lwamagxulusha oluvunyiweyo ngumphathi onegunya ukuzikhusela ekuphefumleni umsi, ukuqhuma, iigesi, umphunga nothuli oluyingozi empilweni. Abalobi kufuneka bafundiswe ngendlela eyiyo phambi kokuba kufunwe basebenzise ezo zixhobo.
Ingqalelo yabalobi kufuneka itsalelwe kwiimpembelelo ezinobungozi zomgangatho wengxolo ephezulu kwigumbi lenjini nakwiimethodi ezahlukeneyo zokunciphisa ezo mpembelelo. Iindawo ezinengxolo ephezulu kufuneka ziboniswe ngeempawu ezifanelekileyo.
Abasebenzi okanye abanini kufuneka baqalise uhlolo oluyingozi lomsebenzi oza kwabiwa kwaye bamisele impahla zabasebenzi zokhuseleko ezifuneka kubalobi ukuba ingozi inokuphetshwa. Apho izixhobo zokhuseleko lwabasebenzi zikhutshiweyo, izizathu zokukhutshwa kwazo, iingozi ekunokuqutyiswana nazo xa zingenakusetyenziswa kufuneka zibonisiwe.
Apho izixhobo zokhuseleko zabasebenzi zikhutshiweyo yimfanelo yomphathi ukuqinisekisa ukuba ziyasetyenziswa xa kuyimfuneko.
Indawo yokugcina eyaneleyo nekhuselekileyo kufuneka kubonelelwe ngayo ukuphepha ukonakala kwesixhobo sokhuseleko.
UKUPEYINTA
Iipeyinti eziqulathe i-arseniki kufuneka zingasetyenziswa nakweyiphi iimeko kwiindawo zngaphakathi zokuhlala.
Iipeyinti, iivanishi namalungiselelo ngenitroselulosi okanye naziphi iziseko ezinokutsha okuphezulu okufuneki zisetyenziswe kwiindawo zangaphakathi.
Abalobi kufuneka basuse ipeyinti ezandleni zabo phambi kokuba batye kwaye kufuneka banxibe iiglavu zokhuseleko okanye bathambise amafutha okuthintela xa bepeyinta.
Abalobi abasebenzisa umtshizo wepeyinti kufuneka banxibe izikhuselo zokuphefumla ezifana namagxulusha okanye izihluzo.
Xa iindawo zangaphakathi okanye iikompatimenti ezivaliweyo ezifana iitanki ezinzima zokuzinzisa inqanawa, iitanki zentlanzi, amazantsi aphindiweyo, imiphambili nemiva yenchochoyi kufuneka iphindwe ipeyintwe, zonke iigesi ezinobungozi kufuneka kuqala zikhutshwe kuze kuvulwe iindawo okanye iikompatimenti kungene kwaye kuphume umoya.
Ukungenisa nokukhupha umoya kufuneka kugcinwe xa kupeyintwa.
Apho kusetyenziswa ipeyinti etshisayo ngaphakathi, Kufuneka ezi ndawo zigenise kwaye zikhuphe umoya ngokufanelekileyo. Ukusetyenziswa kwezibane ezingagqunywanga okanye umsi akufunekanga zivunyelwe ide ibe yomile ipeyinti.
UMSEBENZI OYINGOZI
Xa inqanawa yokuloba iselwandle umsebenzi osecaleni kufuneka wenziwe kuphela kwiimeko zexesha likaxakeka. Kwezo meko kufuneka kunxitywe ababhanti okhuseleko okanye impahla yokhuseleko kwaye kufuneka kukho nendoda yesibini.
Abalobi akufunekanga benze umsebenzi osecaleni phakathi kweenqanawa ezibotshelelwe emacaleni kwaye ekufuphi kwibrorho okanye kwisithulelo senqanawa ngaphandle kokuba izilumkiso zithathiwe.
Izilumkiso zokhuseleko zabalobi kufuneka zithathwe ukuba kuyimfuneko ukuba bekhwele kwimivalo okanye kudonga lokhuseleko xa beloba okanye besenza umsebenzi kwiminatha. Impahla yokhuseleko okanye amabhanti kufuneka anxitywe.
Ikhemikhali kufuneka zibanjwe ngenkathalo nangemiyalelo ukuze kuphetshwe ingozi enokwenzeka emehlweni nakwisikhumba.
Iikompatimenti ebezivalwe ixesha elide ezifana neetaki zamanzi, isithintelo samanzi okanye amazantsi aphindiweyo, kufuneka ekhangelwe kwaye kufunyaniswe ukuba akukho gesi kwaye kukho i-oksijini eyaneleyo phambi kokuba kungavunyelwa nabani angene ngaphandle kwezixhobo zokuphefumla ezivunyiweyo. Imigca yokhuseleko kufuneka isetyenziswe njalo xa kulungeno lokuqala kwiindawo ezenziweyo, kufuneka nendoda yesibini ikho. Inkampani kufuneka inenkqubo esemgangathweni ukuqinisekisa ukuba indawo ikhuselekile phambi kokuba kungenwe kwaye kufuneka oko kuvunywe ngumntu onegunya. Inkqubo kufuneka iquke;
i indawo engena nephuma umoya ngokugqibeleleyo;
ii iatmosfera ihlolwe kwaye ifunyaniswe ikhuselekile;
iii ukusindisa nezixhobo zokusindisa mazibekho esangweni;
iv umntu unemfanelo makabekho esangweni;
v ukufikelela nendawo ekhanyiswe ngokwaneleyo;
vi izixhobo zabo zokhuseleko kufuneka zinxitywe.
Ukusebenza kwindawo yentonga yentsimbi kanomathotholo okanye izixhobo ezibonisa inqanawa inobungozi ngenxa yengozi evela kusasazo lwemitha nakwintshukumo yokusingasinga ngerada. Imvume kufuneka ifunyanwe kumntu owongamele ibrorho phambi kokuba umsebenzi onjalo wenziwe kwaye iingcingwana zomjikelezo kufuneka zisuswe ukwenzela ukuba isixhobo singasebenzi.
Iindawo eziqhuyiselwayo akufunekanga ziphinde zingenwe ngaphandle kokuba abantu abanegunya lokuqhumisela baqinisekisile ukuba onke amalungu afanelekileyo enqanawa akhuselekile.
Abalobi akufunekanga ukuba kufunwe basebenze amaxesha amade kwindawo ezinamaqondo obushushu asezantsi abandayo. Ubude baloo maxesha kufuneka bunxulumane nokugqithisa kwamaqondo obushushu obuviwayo.
Amacango akhokelela kwiindawo ezibandayo kufuneka akhiwe ngendlela eya kuthi avuleke kwelinye icala.
Ukuqashwa kwabafazi kwiinqanawa zokuloba
Abanini okanye abaqasha abafazi ekunokwenzeka babeleka kwiinqanawa kufuneka:
i baqinisekise ukuba baxelelwe ngumqeshwa ukuba ukhulelwe okanye ubeleke kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo;
ii baqinisekise ukuba umsebenzi owabelwa umama omtsha okanye okhulelweyo akazibeki okanye akabeki umntwana ongekazalwa kwizenzo zenkangeleko, zebhayoloji okanye zekhemikhali ezingabeka umsebenzi okanye usana olungekazalwa engozini;
iii Apho utshintsho olufanelekileyo lweemeko zokusebenza lungayiphelisa ingozi ekubhekiselelwe kuyo kumhlathi ii;
iv bafumane isiqinisekiso kwiSAMSA esivunywe ngugqirha ukuba ukusebenza kwakhe ebusuku kuyilungele imeko yakhe.
ISAHLUKO 7
ISIXHOBO SOKUSINDISA UBOMI
JIKELELE
Abaphathi kufuneka baqinisekise ukuba iinqanawa zabo ziyazithobela iimfuno ezichazwe kwiziqinisekiso zokhuseleko ezisenqanaweni, ezimiselwe ngumphathi onegunya, isikhitshana, iphenyane, isangqa onokubambelela kuso xa usengozini yokutshona, iibhatyi ezinxitywayo ukuba ungatshoni kunye nezixhobo ezinxulumene nenani labalobi abasenqanaweni kwakunye nendawo apho inqanawa iloba khona.
Isikhitshana , amaphenyane okuhlangula, amaphenyane akwinqanawa kufuneka zifikeleleke ngokukhawuleza kwixesha likaxakeka ( jonga kwakho kumhlathi 7.3.2) kwaye kufuneka kuthotyelwe ezi meko zilandelayo:
i kufuneka kukwazeke ukuzibeka elwandle ngokukhuselekileyo nangokukhawuleza naphantsi kweemeko ezingamkelekanga zolungelelwaniso nokuthambeka;
ii kufuneka kukwazeke ukukhwela kwizikhitshana nakumaphenyane ngokukhawuleza nangokulunga;
iii ucwangciso lwesikhitshana ngasinye nephenyane kufuneka kubekwe ngendlela engasayi kuphazamisa imisebenzi yezinye izikhitshana.
Zonke izixhobo zokusindisa ubomi kufuneka kugcinwe kwimeko elungileyo kwaye kufumaneke kusetyenziso olukhawulezileyo. Isixhobo kufuneka sikhangelwe phambi kokuba inqanawa ishiye izibuko kwaye ngamanye amaxesha xa ihamba inqanawa.
Isixhobo sokusindisa ubomi kufuneka kuhlolwe kwisithuba esilungeleleneyo ngokweemfuno zomphathi onegunya.
Amaphenyane kufuneka zinemiyalelo yokusebenza ngolwimi lwabasebenzisi. Olu lwazi kufuneka lwandiswe ngemizobo nezazobe.
IZIKHITSHANA, AMAPHENYANE OKUHLANGULA, AMAPHENYANE, IIMPAHLA EKHUSELA UKUBA UNGATSHONI EMANZINI
Xa izikhitshana namaphenyane okuhlangula zithwelwe:
ikufuneka zingasetyenziswa njengezikhitshana zokusebenza;
iii kufuneka zikhangelwe njalo ukuvavanya ukuqinisa nokwehlisa intsebenzo-matshini kwaye unobangela kufuneka ufakwe kwincwadi yengxelo yeziganeko okanye zirekhodishwe ngokufanelekileyo kwaye iijini kufuneka apho zifakwe khona zivavanywe rhoqo kwaye zigcinwe ngokufanelekileyo.
Izikhongozelo zamaphenyane ezinokuzaliswa kufuneka zibekwe kwindawo apho zifikeleleke ngokulula nokokuba isimo sezulu sibi kwaye zibekho ngawo onke amaxesha. The lashing kwisikhongozelo sephenyane akufunekanga kudlule kwiimfuno zomphathi onegunya.
Abapeyinti bamaphenyane kufuneka bakhuselwe kwinanawa okanye kwimeko apho ukuchithwa kwehayidrostatiki kwenziweyo, ukwenza buthathaka unxulumano lokuchitha.
Iibhatyi ezinxitywa ukuba ungatshoni emanzini kufuneka ibe luhlobo oluvunywe ngumphathi onegunya kwaye kufuneka zikhangelwe njalo.
Iibhatyi ezinxitywa ukuba ungatshoni kufuneka zibekwe kwindawo ezinokufikeleleka ngokukhawuleza kwaye indawo leyo kufuneka iboniswe ngokucacileyo.
Ukunxitywa kweebhatyi ezinxitywa ukuba ungatshoni kufuneka zikhangelwe kuthambo ngalunye ukuqinisekisa ukuba umsebenzi ngamnye uyakwazi ukunxiba ibhatyi ngokufanelekileyo. Imizobo ebonisa inkqubo efanelekileyo kufuneka iboniswe.
IINKQUBO NGEXESHA LIKAXAKEKA NEMIBUTHO
Kuthelekelelo lwexesha likaxakeka abalobi kufuneka balungiswe ngokufanelekileyo njengoku kulandelayo:
i imisebenzi ebalulekileyo ekufuneka yenziwe kwimeko yexesha likaxakeka kufuneka yabelwe ilungu ngalinye labasebenzi;
ii uluhlu lombutho kufuneka lubonise imisebenzi ebalulekileyo kwaye kufuneka ingakumbi lubonise izikhululo apho ilungu ngalinye kufuneka liye khona kunye nemisebenzi ekufuneka eyenzile. Uluhlu lombutho kufuneka luthunyelwe apho abasebenzi bahlala khona;
iii uluhlu lombutho kufuneka luchaze imiqondiso eqinisekileyo yokubizela abasebenzi kwisikhitshana sabo okanye iphenyane kwaye kufuneka kunikwe iinkcukacha ezipheleleyo zale miqondiso. Imiqondiso kufuneka yenziwe ngempempe nempempe yombane ebrhorhweni;
iv Amalungu abasebenzi kufuneka aqeqeshwe kwaye aqheliswe ngezi meko zilandelayo:
b ukuthintela umlilo kwiindawo ezahlukeneyo umz; kwindlu yenjini, kwindawo yokuhlala, kuvimba wokupakisha;
c ukundulula iphenyane esindileyo d iinkqubo emazilandelwe xa umntu ewele emanzini;
e ukusindisa kwindawo evaliweyo;
f ukutsala enye inqanawa nokutsala eyakho inqanawa;
g ukusebenzisa iisuti zomlilo nezixhobo zokuphefumla.
Imibutho yabasebenzi yoqheliso lwenqanawa kufuneka ibe sezibukweni naselwandle kwisithuba esimisiweyo. Olu qheliso kufuneka luqinisekise ukuba abasebenzi baqonda ngokugqibeleleyo kwaye luyenziwa kwimisebenzi abayenzayo yokubamba nokusebenzisa zonke izixhobo zokusindisa ubomi. Iibhatyi ezinxitywayo kufuneka zinxitywe ngexesha lokuhlangana. Abalobi kufuneka baqeqeshwe ekwenzeni nasekusebenziseni izixhobo zikanomathotholo ophathekayo xa kufuneka kwenziwe oko.
ISAHLUKO 8
IZILUMKISO ZOMLILO NOKULWA UMLILO
UKUTSHAYA
Izaziso ezithi 'akutshaywa' mazixhonywe kwiindawo ezifanelekileyo, kwaye nemithetho ethintela ukutshaya mayinyanzelwe ngqongqo. Oku kubhekiselele ikakhulu kwezi ndawo zilandelayo zinengozi:
ii iityesi zepeyinti neendawo ekugcinwa izinto ezitsha lula;
iv kufuphi neebhetri ezonga umbane.
Abalobi mabalumkswe bangatshayi kummandla, kuba imililo enobungozi iqala ngolu hlobo.
Umlilo lolona tshaba lunengozi kwiinqanawa ngoko ke imiqathango ethintela ukutshaya mayiqatshelwe ngqongqo. Umdiza otshaywayo nomlilo mazingalahlwa kwintunja zenqanawa, okanye kwiindawo apho zingaqala lula umlilo. Izikhongozelo ezifanelekileyo mazibekho zisetyenziswe. Umdiza otshaywayo namalahle athi alahlwe emanzini, ikakhulu ziphetshethwa ngumoyazibuyele enqanaweni, zidale umlilo. Abalobi mabakhunjuzwe rhoqo ukuba baqaphele ukhuseleko lwabo nolwenqanawa. Ngoko ke kukho izizathu ezibalulekileyo zokuthintela ukutshaya kwiindawo ezithile.
Ukuba kunokwenzeka makubekho amagumbi kawonke-wonke alungiselwe iintshayi nabo bangatshayiyo. Amagumbi okutyela neendawo zokuzonwabisa mazibhengezwe njengeendawo ekungatshaywa kuzo.
UKUTHINTELA UMLILO NEZILUMKISO
Izilumkiso ezingundoqo ezifunekayo ukunqanda umlilo ezinqanaweni zokuloba zezi zilandelayo;
i imfundo efanelekileyo noqeqesho lwabalobi ekuthinteleni umlilo;
ii amalungiselelo ezixhobo ezifanelekileyo zokucima umlilo ezikwiindawo ezifanelekileyo;
iii ukugcina iitepu, imibhobho, izixhobo ezifakwe kwizixokelelwano ze-oyile ukuze zingavuzi;
iv ukucoca iindawo zoomatshini namagumbi ebhoyila;
v ukuthathwa kwezilumkiso ngabalobi xa besenza umsebenzi obandakanya iingozi zomlilo ezilindelekileyo.
Izixhobo zokulwa umlilo kufuneka ngalo lonke ixesha zigcinwe kwindawo efanelekileyo, zigcinwe kwimeko efanelekileyo yokusebenza kwaye zifumaneke ekusetyenzisweni ngokukhawulezileyo.
Uhlobo olufanelekileyo lokucima umlilo kufuneka lubekwe kufuphi nendawo okanye indawo ekhuselwayo.
Izicima-mlilo kufuneka zikhangelwe njalo kwaye zilungiswe ukuqinisekisa ukuba zikwimeko yokusebenza efanelekileyo kwaye zizaliswe zize zilebhulwe. Apho kuyimfuneko ukuba kuphinde kuzaliswe okanye amasalela ezicima-mlilo kufuneka zibekho ngokukhawuleza.
Xa isicima-mlilo sikhuphe ngokupheleleyo okanye ngokuyinxalenye kufuneka siphinde sizaliswe okanye sitshintshwe ngokukhawuleza.
Izaziso ezilumkisa ngeengozi ezinokubangelwa kukutshaya, kukuqhwithwa kwematshisi okanye ukuphatha isibane esingagqunyangwa kwigumbi lenjini okanye kufutshane namatanki okanye imigqomo.
Inkathalo enkulu kufuneka ithathiwe ukugcina imiphantsi yeenqanawa, impahla eyenziwe ngamaplanga okanye ezinye izixhobo ezinentunjana zikhululekile kwiimveliso zepetroliyamu. Ukubaluleka kokugcina indlu kwinqanawa akunakugxininiswa ngaphezulu.
Iimpahla neetawuli akufunekanga zishiywe zingajongwanga ecaleni kwezibane okanye izifudumezi. Amadlavu nezinye izixhobo ezitshayo kufuneka zithintelwe zingaqhagamshelani nomphunga, I-oyile eshushu okanye neendawo eza kuthi xhaxhe kuyo amanzi kwinqanawa okanye iindawo ezishushu ngenxa yengozi yokutsha okuzenzekelayo. Amadlavu ane-oyile akufunekanga ashiywe elahlwe nje kufuneka alahlwe ngokufanelekileyo.
Izixhobo zezibane ukuquka nezigqumathelo akufunekanga zibhucabhucwe. Isibane akufunekanga sipeyintwe okanye sigqunywe ngelaphu ukuzama ukwenza isikhuselo-kukhanya.
Izixhobo ezine-oyile kufuneka zigcinwe ziqinisiwe ukuze i-oyile okanye imiphunga yazo ungaphumi. Iitreyi zokuthontsizelwa zesinyithi kufuneka kubonelelwe ngazo apho kuyimfuneko.
Kufuneka kusetyenziswe kuphela iintlobo zezibane zombane ezivunyiweyo xa kuhlolwa iinjini, iitanki ze-oyile nemiphantsi yeenqanawa kwiindawo ezinomatshini.
Isikhongozelo esinento enokuphuma umphunga onokuvutha akufunekanga nakweyiphi imeko sibekwe kwindawo ehlala abasebenzi okanye kwiikhompatimenti apho izibane ezinamadangatye angaphandle okanye izidibanisi zombane zisetyenziswayo.
Zizidibanisi ezivunyiweyo kuphela ekufuneka zisetyenziswe ukwenzisa isidibanisi sombane zonomathotholo abaphathekayo, njalo njalo.
UKULWA UMLILO
Ukulwa umlilo ngempumelelo yinkathalo yomntu wonke ohamba ngenqanawa. Iziqheliso zokulwa umlilo kufuneka kwenziwe kumaxesha athile kwaye kuthathwe ngokuzimisela. Injongo yezi ziqheliso kufuneka kuqinisekwe ukubazonke izixhobo zokulwa umlilo zikwimeko elungileyo kwaye wonke ubani uyayazi indawo yakhe nemisebenzi, indawo ekuhlala izixhobo zokulwa umlilo, indlela ezisebenza ngayo nendlela ezisetyenziswa ngayo.
Amanzi, isoda emuncu okanye isicima-mlilo esinegwebu akufunekanga sisetyenziswe kwimililo yombane okanye kufutshane nendawo ehlala izixhobo okanye iingcingo zombane.
Amanzi akufunekanga asetyenziswe kwimililo yamafutha okanye ye-oyile.
Xa kusetyenziswa amanzi amaninzi ukulwa nomlilo umphathi kufuneka aqaphele impembelelo engalunganga kuzinzo lwenqanawa kwaye aqinisekise ukuba intsalela yamanzi iyakhutshwa okanye ayakhanywa.
Xa kusetyenziswa igesi efakelweyo efuthaniselayo kufuneka kuthathwe inkathalo ukuqinisekisa ukuba ikhompatimenti iyashiya kwaye ivalwe ngokufanelekileyo. Phambi kokuba igesi ikhutshwe umntu owongamele ukucima umlilo kufuneka aqinisekise ukuba ikhompatimenti ihlala ivalwe ixesha elide ukuqinisekisa ukuba umlilo ucimile kwaye ikhompatimenti ingeniswa kwaye ikhutshwa umoya ngokugqibeleleyo phambi kokuba kuphinde kungenwe.
Akukho msebenzi ekufuneka angene kwikompatimenti ezele umsi ngaphandle kokuba unxibe isixhobo sokuphefumla.
Xa kucinywa umlilo kufuneka yonke into ifakwe emanzini ngokugqibeleleyo kwaye ifanitshala ekhululekileyo, oomatrasi njalo njalo kufunekaisuswe kumgangatho. Kufuneka isiza silindwe iiyure eziliqela kwimeko apho ukutsha kunokuphinda.
Amayauyasu eentunja zetanki ye-oyile kufuneka zigcinwe zicocekile kwaye kwimeko elungileyo.
Apho iindawo zokuhlala zifuna ukufudunyezwa, isixhobo esinika ubushushu ekufuneka sifakiwe masinikwe umbilisi wasekhaya okanye ikalorifiya eyenziwe shushu ngombane. Apho oku kungenkwenzeka izixhobo zombane ezenza shushu kufuneka zibonelelwe. Izifudumezi zeLPG akufunekanga zisetyenziswe.
ISAHLUKO 9
UKUNYOTHULA IZITYALO
Ukunyothula izityalo kufuneka kuphawulwe ngokucacileyo ngemithwalo yayo yokusebenza ekhuselekileyo. Apho umthwalo wokusebenza okhuselekileyo wesilenge wahluka ngomakha-sangqa sawo kufuneka ufakwe ngomalathisi obonakalayo kumqhubi obonisa umqhubi ukuba umthwalo wokusebenza ukhuselekile kula e-ingile.
Nawuphi umntu osebenza ngesixhobo sokunyothula kufuneka aqeqeshwe ngokufanelekileyo phambi kokuba ayalelwe ukuba asebenzise isixhobo.
Abasebenzi kufuneka bakhangele izixhobo zokhuseleko phambi kokuba basebenzise izixhobo okokuqala. Isixhobo sokunyothula akufunekanga sisetyenziswe apho isixhobo sokhuseleko singasebenzi kakuhle.
Ukulawulwa kwezixhobo zokunyothula kufuneka ziphawulwe ngokucacileyo ngemisebenzi kunye nenkcazelo yokusebenza.
Isixhobo sokunyothula eziqhutywayo kufuneka ngalo lonke ixesha kukho umntu kwizixhobo zokulawula xa ziqhutywa.
Umsebenzi wesixhobo sokonyothula akufunekanga abe neminye imisebenzi enokuphazamisa ingqalelo yakhe kumsebenzi anawo ngelo xesha.
Apho umsebenzi engenambono ipheleleyo necacileyoyendlela egqibeleleyo yohambo kufuneka kubonelelwe ngamadoda emiqondiso.
Yonke imithwalo kufuneka irhintyelwe kusetyenziswa isixhobo esifanelekileyo somthwalo wokusebenza okhuselekileyo. Isixhobo sokurhintyela kufuneka sihlolwe phambi kokuba sisetyenziswe.
Iintsontela ezenziwe ngeengcingo kufuneka zihlolwe njalo kwaye zithanjiswe ngamafutha. Akufunekanga ukuba zivunyelwe zome.
Apho umthwalo uminxekile kwaye kukho uxinzelelo olulindelekileyo kwintsontela yokunyothula okanye intsontela eyenziwe ngeengcingo kufuneka ukhululwe phambi kokuba kukhululwe umthwalo.
Ekugqityweni komsebenzi igiyeri yokunyothula kufuneka ihlolwe ukuqinisekisa ukuba zonke iimortyisi kunye nezixhobo zokhuseleko zisendaweni.
Onke amakhamandela kufuneka enonootaka bawo abaqiniswe ngeengcingo zokubamba.
Xa isiqu senjini okanye ikhamandela lisusiwe kufuneka libe nobukhulu obulinganayo kunye nomthwalo wokusebenza okhuselekileyo njegowokuqala. Nawaphi amalungu asusiweyo kufuneka avele kubenzi kwaye alungele isixhobo eso.
Akukho nguqulelo ekufuneka yenziwe kwisixhobo sokunyothula ngaphandle kokuba kufunyenwe imvume kuqala kubenzi kwaye emva koko uvavanyo lomthwalo kufuneka lwenziwe.
Nawuphi umsebenzi okummandla wesixhobo sokunyothula kufuneka anxibe isigcina-ntloko.
Zonke izikhuselo zamehlo, amakhamandela, amakhonkco nesiqu senjini kufuneka zihlolwe kumathuba athile kwaye apho kukho imiqondiso yokuguga, yokucandeka okanye ukudleka eqatshelwayo kufuneka zitshintshwe.
Imithwalo akufunekanga ishiywe isasazeke emoyeni.
Izilenge kufuneka zigcinwe njengoko kuchaziwe ngabenzi.
